Imbewu neRhythm City zikhuphisana ngamanani ababukeli

IMIDLALO emibini
edlala kwi-e.tv, Imbewu: The Seed
neRhythm City

zikhuphisana ngelona nani lababukeli abaninzi.

Ngokwengxelo yeBroadcast
Research Council of South Africa (BRCSA)  ekhangele iinkcukachamanani kwiinkqubo
zosasazo kunomathotholo nakumabonakude, iRhythm City iye yabonakalisa
ukufunquka kwezi nyanga, ibetha Imbewu ibifudula itshotshela entla.

Ezi
nkcukachamanani zenyanga yoKwindla, zibonisa ukuba iRhythm City
ngoku ihleli kwi-4, 377, 024 ukuze yona Imbewu izibambele i4, 235, 564.

Kwakweli jelo,
iScandal! sisabambe indawo yokuqala ngesithandathu sezigidi (6,100,423)

KwiSABC 1, uZalo
lusankqenkqeza phambili ngesithoba sezigidi, ibeyiGenerations ngesibhozo
sezigidi, iSkeem Saam sibe kwindawo yesithathu ngezigidi ezisixhenxe.  
IMuvhango ixhentsa
izombelela kwiSABC 2 ngento engaphaya kwezigidi ezihlanu zababukeli, kulandele
iLotto Live Draw ngezigidi ezithathu, i7De Laan ihleli kwindawo yesithathu
ngezigidi ezibini ngelixa sona Isidingo sisakhonya ngento esondele kumakhulu asibhozo
amawaka kwiSABC 3.

KwiMzansi Magic,
intandane yomdlalo weFerguson Films, iThe Queen,  ikwindawo yokuqala ngesigidi
esinesiqingatha, ilandelwe ngumdlalo osandul’ ukuphela eHostela ekrobe
kancinane ngaphaya kwesigidi, ze kwindawo yesithathu ibe yiOur Perfect Wedding
ngamakhulu asithoba amawaka.