Imincili igama lakhe libizwa kwiRadio Awards

ESAQALA ngqa kwezosasazo kodwa igama likaBulelani Nonyukela sele liphakathi koomakadenetha bezosasazo.

UNonyukela ubhengezwe njengomtyunjwa oza kukhuphisana nabanye abasasazi kwibakala labafunda iindaba (News Bulletin Reader) kwiimbasa zikanomathotholo, iRadio Awards zalo nyaka.

UNonyukela, 25, ngumfundi weendaba kwisikhululo sikanomathotholo iMadibaz Radio eseNelson Mandela University (NMU) eBhayi.

Igama lakhe liphakathi kwabanye abasasazi bezikhululo ezifana nePukFM, Tuks FM neUJFM. Zonke ezi zikhululo zibizwa ngokuba ziCampus Radio.

Emva kokuphumelela izifundo zobuNtatheli (Degree in Journalism) eRhodes University eMakhanda, uNonyukela uqalise ukusebenza koonomathotholo basekuhlaleni abaliqela abafana neRhodes Music Radio, iForte FM, iRadio Grahamstown neNgqushwa FM.

Eli tyendyana laseChisirha eNgqushwa, lixelele I’solezwe ukuba linomothuko ovangwe yimincili kukuchongelwa kwiRadio Awards.

“Wow! yoh! Ndinemincili! Kaloku iRadio Awards ndizazi njengezona mbasa zinkulu zikanomathotholo,” utshilo.

“NgoDisemba ndabona umpapasho othi amangenelo avulile, ndaqonda ukuba nam mandikhe ndifake kuba akukho nto iza kundilahlekela. Ndivuyela kwaukuchongwa kuba oku kuthetha ukuba ndenza le nto ifunekayo, kodwa ndiyayazi ukuba kusafuneka ndiphucukile pha naphaya kodwa ndivuyela ukunqwala kweejaji ezizingcali kwezosasazo, ” kuphawula uNonyukela.

UNonyukela ufunde eCisira Primary School naseG.J Louw. Amabanga aphakamileyo wawenza eMotherwell High School.

Umdla kaNonyukela kubuNtatheli uqale asakuxelelwa esesekhritshi ukuba uza kuba yintatheli xa ekhulile.

“Ndaba nomdla ke ukuba yintoni kanye kanye intatheli, kulapho ndaqala ukumamela oonondaba kunomathotholo, ndasuke ndathanda aba bafunda iindaba kunaba bazicholacholayo. Ndikhule ke ndimane ndilinganisa abantu abafana notata uFikile Lubisi, Siyavuya Sineke oomama uNoxolo Grootboom, Zodwa Nogilana, Dikeledi Jobela, Ntombekhaya Nkwenkwezi, uFundiswa Mhlekude nabanye, ” kubalisa uNonyukela.

Uthi ngamanye amaxesha ebeye abashicilele abasasazi xa befunda iindaba aze emva koko abalinganise.

Uthi awakuthandayo kwisikolo sezobuntatheli kukuthi xa ebuyile ekucholacholeni amabali, adibanise konke akufumeneyo de ibali livakale kamnandi esebenzisa isandi namazwi ngendlela eyakha umfanekiso-ngqondweni kumphulaphuli.

“Kubamnandi xa umamela onke la maqhekeza ubuwacholachola edibana ethetha into enye,” kutsho lo msasazi.

UNonyukela uthi unqwenela ukuzibona ekwisikhululo esikhulu sikanomathotholo okanye esikamabonakude ngenye imini esebenza njengomsasazi okanye umdidiyeli weendaba.

“Kodwa ndinawo nomdla nakwezinye iinkqubo ezingezizo ezeendaba,” ugqibezele watsho.