Inzwakazi engumsasazi kunomathotholo iTruFM iphumelele iwonga kwi2024 Telkom Radio Awards, nebezibanjwe ekupheleni kwenyanga ephelileyo kweyeNkanga, eSandton Convention Centre, eRhawutini.
USima Fiyo noyinzalelwane yaseQonce, kungokunje sele egxumeke iintente zakhe eMotherwell, eGqeberha, nekuyindawo ayibiza ikhaya.
UFiyo, nowaziwa kakhulu ngabaphulaphuli ngegama elithi “iMinister yama2k,” wenze imbali kumawonga e2024 Telkom Radio Awards, ephumelela iwonga ngokubhexesha eyona nkqubo itshatsheleyo emculweni (Best Music Show). Ukanti zombini iinkqubo zalo msasazi, iTruFM Top 30 kunye ne7 Colours, bezikuluhlu lweenkqubo ebezityunjiwe, nalapho iTruFM Top 30 ithathe iwonga eliphezulu.
“Andikholelwa! UThixo umhle, kwaye lonke udumo ndilunika yena. Yeyona mpumelelo inkulu emsebenzini wam le njengomsasazi oqhuba inkqubo ehamba phambili kuMzantsi Afrika uphela. Kudala iliphupha lam ukuphumelela eli wonga, ukususela oko ndathi ndeva ngezi mbasa, kwaye kum zintsikelelo zokwenene,” utshilo uFiyo.
UFiyo waqala ukuzibandakanya nonomathotholo eneminyaka elishumi elinesithandathu, kwisikhululo soluntu iNkqubela FM, eGqeberha, neyathi yamvulela amathuba ngokuhamba kwexesha. Le nzwakazi sele ikhe yasebenza nakwabanye oonomathotholo.
IMinister yama2K sele ineminyaka esibhozo isebenza kunomathotholo, kwaye kwizikhululo ezahlukeneyo, nalapho kungokunje ikwiTruFM. Ukanti lo msasazi uthe eyona mfihlo yakhe kunomathotholo kukwenza wonke umphulaphuli azive ekhethekile.
Ukwabalule amazwi aphila ngawo nathi, “Izicwangiciso ezizizo zikhusela ukusebenza ngokungekuko.” Ukwathe abantu mabakhumbule unomathotholo angakuniki iziphumo ezikhawulezayo ngokweminqweno yakho, kodwa ukunyamezela ngundoqo, kwaye iphupha alincanywa.
“Le mpumelelo yomeleze uhambo lwam lweminyaka esibhozo kunomathotholo kwaye ngumvuzo wokusebenza nzima nokuzinikela kwam,” utshilo uFiyo.
UFiyo ukwanike amazwi enkuthazo kwabo basebatsha nabanomnqweno wokusebenza kunomathotholo.
“Qinisekani ukusoloko nifunda ukuze ulwazi lwenu lwande, oko nikwenze ngokukhawuleza! Abasasazi bakanomathotholo abakwizinga eliphezulu, banobuchule, bafunda kakuhle, kwaye bazilungiselela kakuhle phambi kokuqhuba iinkqubo zabo,” utshilo uFiyo.
Ukuzimisela kwalo msasazi kunomathotholo kwanempumelelo yakhe yakutsha nje, ukubona njengendlela eyonyusa izinga lakhe kwisakhono sokusasaza, kwanokukhuthaza ulutsha olukusasazo.
Mamela iMinister yama2K kwinkqubo i7 Colours rhoqo ngeCawa, ukusuka kwentsimbi yethoba kusasa, de kubethe intsimbi yeshumi elinesibini (9am – 12pm) kwisikhululo iTruFM.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!