Iminyaka elishumi elinesihlanu yeeSATMA!

UKUQALA kwakhe iSouth African Traditional Music Achievements Awards (SATMAs) kwiminyaka eli-15 eyadlulayo, uGqr Dumisani Goba, wayekhangela isixhobo sokumanyanisa isizwe soMzantsi Afrika ngaphandle kokujonga ibala.

UGoba ukuthethe oku eMpumalanga ngethuba kubanjwe umsitho wokuqaphela ishumi elinesihlanu leminyaka kususela oko kwasungulwa amawonga weeSATMA.

UGoba uthi ulwimi lokuzalwa laba sesona sixhobo sifanelekileyo sokudibanisa ilizwe.

“Kulapho ndacinga ukuba ulwimi lwenkobe sesona sixhobo silungele ukwenza oko, ngokuba ntlanga nganye inolwimi lwayo lwenkobe,” kutsho uGoba.

“Umntu wokuqala ukwabelana naye ngeli phupha yaba nguKhathide Ngobe woKhozi ngo2004.

Emva koko ndadibana nongasekhoyo uNjingalwazi Joseph Tshabalala, naye ndamxelela ngeli phupha ndinalo, wathi yena ingakukufezekiswa kwephupha kuye nangona nje engaqondi ukuba lingaphumelela kuba ebona ngathi umculo wesintu eMzantsi Afrika awuselwe so.”

“Ndathi kuye, tata masizame kuba ezinye izinto azinikwa ngqwalasela kuba azibonakaliswa,” kubalisa uGoba ngokuqala kweeSATMA.

Uthi emva koku badibana noBhodloza Welcome Ndzimande owathi naye uyawuxhasa lo mbono.

UGoba uthi unyaka ka2006 yaba ngunyaka onzima kakhulu kubo kuba babengazi kwanto ngokubamba umsitho weembasa nokubiza oosaziwayo.

“Iseshoni yethu yokuqala yeengxoxo sasiyibambele apha [eMpumalanga].

Indoda eyayikule seshoni yathi kuthi masingazibambi ezi mbasa kulo nyaka kuba kuza kubanzima. Sema kwelokuba umhla sele siwupapashile, ngoko asizokukwazi ukujika, kanti asazanga ukuba le ndoda ibinyanisile,” kubalisa uGoba ngokuzalwa kweeSATMA.

Lwafika usuku lokubanjwa kwezi mbasa, umhla we30 kweyoMsintsi 2006 eICC eThekwini.

UGoba uthi kwakungekho mali yokubhatalela iqonga, imali yokurholisa abantu nkqu neyokuqesha indawo yokulala.

“ Ndikhumbula kakuhle ndilala eofisini iiveki ngeeveki. Sasisebenza kubethe intsimbi yeshumi ngokuhlwa. Sonke sasilala phaya.

Ngosuku lweembasa ndiqinisekile ukuba abasebenzi baseICC babothukile, sasingenamali yokubhatala iihotele ngokuba ndathatha isenti yam yokugqibela endandiyigcinile ndabhatalela izinto ezithile,” kubalisa uGoba.

Uqhuba athi ekugqibeleni phambi komhla omkhulu kwangenelela iSebe lezobuGcisa neNkcubeko, kwangenelela neSABC kwiintsuku ezintandathu phambi komhla womsitho.

“Sasingenamali yokubhatalela iqonga, ndaya ebhankini ndiyokufuna igaranti, yavuma isithi ndingaqhubela phambili.

UAdv Dali Mpofu, eseyiGCEO yeSABC wathi uza kuyikhupha imali yeproduction.

“Zaba yimpumelelo iiSATMA kuba norhulumente zange asilahle de kube namhlanje,” kutsho uGoba, ekhumbula ecela amalizo kowayesaya kuba yiNkulubaphathiswa yaseKZN uDr Sbu Ndebele.

UGoba uthi iiSATMA kukuphela kweembasa eziwonge amagqala omculo wesintu afana noDr Nothembi Mkhwebane kwakunye noDr Esther Mahlangu. “IiSATMA kukuphela kwamawonga athe awonga amatshantliziyo alwela inkululeko ngaphandle kokujonga ibala.

Siwonge amatshantliziyo enkululeko apha eMzantsi Afrika, eAfrika nakwilizwe liphela,” kuvakalisa uGoba.

Kule minyaka idlulileyo, iiSATMA zisindleke iindwalutho ezifana noPatrick Lumumba, usapho lukaMartin Luther King, usapho lukaNkwame Nkrumah nolukaMalcolm X.

“ Ndiyayazi abantu baza kubuza ukuba kutheni siwonga amatshantliziyo enkululeko, impendulo yam ilula kubo, besingakwazi ukuhlala olu hlobo ngaphambili, kodwa loo matshantliziyo akwenza oku ukuba makwenzeke, sihlale olu hlobo sibhiyozele ubuthina, imvelaphi yethu, amasiko ethu nako konke,” kutsho uGoba, eqhwatyelwa izandla.

Ukwabulele kwiSABC, esithi iiSATMA zisaziwa jikelele nje kungenxa yayo.

Uqhube ngokuncoma inkxaso ayifumene kwiindawo ezifana neNational Heritage Council, iNational Lottery Board, SABC 1, Absa, Cell C, Ngubane & Co (encedisa ekubaleni iziphumo zeevoti), iSizwe Ntsaluba Gobodo, urhulumente weMpuma Koloni, owoMntla Ntshona, iLimpopo, uOld Mutual, SAMRO, BCM, Amathole, iMartin Luther King Centre, iRainbow Push kaRev Jessie Jackson eChicago noMasipala weTheku.

“Ndiyavuya kuba iphupha leSATMA lokuhlanganisa iintlanga zoMzantsi Afrika lifezekile. Ndingatsho ndithi yona indlela ekufanele siyihambile inde. Andiyi ndizive kakuhle xa ndibona umculo wamaNdiya neBoere Musik ungekho kumsitho weeSATMA.

“ Sizimbasa zokuqala ukunika iimvumi amabhaso emali, sikwaziimbasa zokuqala ukuphisa ngeemoto ezilishumi,” kutsho uGoba, ofumene ihlombe lezandla nakwesi sihlandlo.

Uvale ngelithi bayavuya betyale nakuqoqosho lweli lizwe ngento eku400 yezigidi zeerandi.