IMuvhango ifudukela eLimpopo

Emva kokudibana nekumkani yamaVenda uToni Mphephu Ramabulana kwindlu yasebukhosini kwinyanga ephelileyo, ingqonyela yezemisebenzi eSABC uHlaudi Motsoeneng, uyalele umdlalo wesiVenda eSABC uMuvhango, nowenzelwa eRhawutini, ufudusele imveliso yawo kwidolophu yaseThohoyandou eLimpopo.

Ngokutsho kweendaba ze-News 24, esi sigqibo siyinxalenye seenguqu ze-90% yemveliso edidiyelwe apha ekhaya kwizikhululo zikanomathotholo zeSABC namajelo kamabonakude, nalapho lo mgaqo-nkqubo mtsha kamabonakude kuzakufuneka uvelise umsebenzi wawo kumaphondo ohlukeneyo.

Umvelisi oyintloko weMuvhango, uDuma kaNdlovu, uyalelwe ukuba afudusele iMuvhango kwiphondo laseLimpopo, kodwa okwangoku akukacaci ukuba baqala nini ukusebenzela eLimpopo.

Oku kuthutha e-Auckland Park kuzakubachaphazela ngamandla abadlali negqiza likaMuvhango, ngokunjalo neentsapho zabo ezihlala eGauteng.

Akukabikho siqinisekiso sokuba lo mdlalo uzakuveliswa phi nanjengoko kungekho magumbi eefilimu nomabonakude eThohoyandou yokuvelisa umdlalo.

I-Muvhango ngowona mdlalo ubukelwayo kwiSABC 2 nanjengoko uhleli kwi-5.8 yezigidi zababukeli ngesiqendu ngasinye. Ikhontraka ekhoyo phakathi kwe-SABC nenkampani evelisa lo mdlalo iWord of Mouth, iphela kwinyanga yeThupha, kodwa kulindeleke ivuselelwe eminye iminyaka emithathu.

Nangona oku kungathetha ukonyuka kweendleko kule nkampani ne-SABC, uMotsoeneng ukubona oku kuyimfuneko. “Sinezakhiwo phaya. Kufuneka sakhe amagumbi okudidiyela umsebenzi, kungadingeki uye eAuckland Park, ubenakho ukusebenzela apha eThohoyandou,” utshilo uMotsoeneng.

UMotsoeneng ufudusela nePhalaPhala FM eThohoyandou. Izakusasazela apho ukususela ngomhla wokuqala kweyoMsintsi, kwisakhiwo esikhulu ebesikade sisetyenziswa yiRadio Thohoyandou.

I-SABC izimisele ukuphucula esi sakhiwo ngokunjalo namagumbi osasazo.