Imvumi ibavusele ikhaya lisiwa

Indlu entsha eyakhelwe usapho lakwaQwabe eUpper Ngxaxha

IMVUMI eyindumasi kumculo weGospile, uButho Vuthela, ebezikhangelela umhlonyane nempahla yakhe edukileyo ethafeni ngethuba ebona ikhaya eliwohlokayo, wasikwa yimfesane.

UVuthela, inzalelwane yaseMount Fletcher, uthe akusondela kweli khaya liseUpper Ngxaxha kwaWard 7 kuMasipala waseLundini, wabona intlungu ibhalwe esweni nakumama weli khaya lakwaQwabe.

Lo mama uhlala nenkwenkwana eneshumi elinanye (11) leminyaka kwaye uphila ngesibonelelo salo mntwana.

UVuthela, imvumi ephumelele intaphane yeembasa, ungene kweli khaya, wacela ukuthatha imifanekiso ngeenjongo zokunceda olu sapho.

“Ndithumele imifanekiso kuSodolophu woMasipala waseLundini nakuCeba weWadi uMnu Sotsu. Emva kweveki baye bafika, bavumelana ukuba imeko imbi, nabo bathatha imifanekiso.

Bendinexhala lokuba ngeli xesha lonyaka kuza kukhithika ikhephu, imvula ine, nale ndlu ibadilikele,” kubalisa uVuthela.

UVuthela uthathe le mifanekiso wayixhoma kumakhasi onxibelelwano, wacela abahlobo bakhe ukuba bamncedise ukwakha eli khaya.

“Ngokwenene abahlobo bam bakaFacebook bancedile, bakhupha oko banako, kwaqokelelwa nokutya,” kutsho uVuthela encokolela I’solezwe lesiXhosa.

Ikhaya lakwaQwabe ngoku ligqityiwe, uVuthela ufuna ukunikezela ngalo mzi mhle kunene kolu sapho, kodwa inqobo yifenitshala engekabikho.

“ Ndicela kuye wonke ubani onokukwazi ukusinceda nangantoni na, iimpahla (zenkosikazi ekwisiqu 36-38) impahla yabantwana (11-12), ukutya nefenitshala ukuze sigqibe lo msebenzi,” kubongoza uVuthela.

Eli khaya litsha lifakelwe netanki eyi2500 yeelitha ngenxa yentsokolo yamanzi kula mmandla.

Abafuna ukunceda bangaqhagamshelana neButho Vuthela Foundation ku: 073 261 6401 okanye butho.vutela@gmail.com