Imvumikazi ibhiyozela uthando olutsha ngengoma

Imvumikazi uNaledi ikhuphe ingoma entsha ethi African King

UNALEDI Boltina ubhiyozela uthando olufumaneka kwamanye amazwe kwingoma yakhe entsha ethi African King.

UBoltina, inzalelwane yaseBhayi eMpuma Koloni, oncokolele I’solezwe lesiXhosa eseNigeria, wenze le ngoma no-Ice Prince.

“UAfrican King yingoma yothando. Ithetha ngenenekazi elifumana uthando kwilizwe elohlukileyo. Le ngoma ingokubhiyozela uthando lobuAfrika,” kutsho uBoltina ebalisa ngale ngoma.

Eli gqiyazana laziwa ngeengoma ezifana noYise KaThamsanqa, Indoda, Believe, Enkosi, Golden City noXola Ntliziyo.

UBoltina udize ukuba kumchulumancisile ukubhala le ngoma.

“ Ndakhe ndaxelelwa ukuba angekhe ndifikelele eNigeria, ndidibane nesithandwa sam,” kutsho uBoltina, othi kuninzi emakulindelwe kuye.

“Ndifuna ukumanyanisa ilizwekazi leAfrika ngomculo. Kwaye ndidlala kwifilim entsha yeNollywood, ngoko abantu mabahlale bevule amehlo,” kutsho le mvumikazi.

Uthi kwiimvumi zaseAfrika angathanda ukusebenza noMaster KG, Fireboy, Burna Boy, Rema, Davido kwakunye noTiwa Savage.

UBoltina waqala ukuzibandakanya neqonga lolonwabo kwiminyaka elishumi eyadlulayo.

Wayeneminyaka elishumi elinesixhenxe ngethuba edlala indima ephambili kaRaso kwiThe Lilies.

“Lo mdlalo wawudlala kwiSABC, wawenzelwe eMakhanda. Emva koko ndineshumi elinesithoba leminyaka ndatyikitywa yinkampani yoshicilelo lomculo iBit Box.

Le ngoma ifumaneka kuzo zonke iivenkile zomculo kwi-intanethi.