YIMVUSELELO, ingoma, intshumayelo nenkuthazo kwiYunivesithi yaseFort Hare kwinyanga ezayo.
Lo mcimbi uzakube ubanjelwe eBlue Auditorium, kwikhampasi yeli ziko-mfundo eseDikeni ngomhla we-7 kuCanzibe/Meyi 2016.
Le mvuselelo iza ne-Inathinkosi Music Entertainment ibambisene neForte FM kunye neMethodist Student Society.
Ecacisela I’solezwe lesiXhosa ngalo mcimbi, uInathinkosi Jimta ongumququzeleli weMvuselelo Yengoma uthe: “Siyaqala ukwenza imvuselelo elolu hlobo singamalungu eGuild aseWesile. Ziqhele ukwenziwa iimvuselelo, kodwa le yangalo mhla inomahluko,” uphawule watsho uJimta.
Uthi le mvuselelo izakube ingavuseleli nje kuphela, kodwa izanethemba kwabo balahlekelwe lithemba. “Sithe xa sihleli siyicwangcisa, sabona ukuba masiyenze ibeluhlobo lweGospel Show, nalapho kuzakube kunikwa ithemba, ubungqina nemvuselelo ngaxeshanye.”
UJimta uphinde waveza okokuba, imali eqokelelwe kule mvuselelo izakuya kwingxowa yokuxhasa iMethodist Student Society.
Iimvumi ezizakutsholoza eqongeni ziquka * -Inathinkosi Jimta, Unathi Ndzube, Bulelani Koyo (Umhlobo Wenene), Phumla Mfene, Siyanda Dyonase, Ruth Nongogo, Lutsha Yolelo nabanye abaliqela.
UMbuyi Kasana uzakube engumbhexeshi wetheko. Amangeno emnyango axabisa i-R100 ngelixa abafundi bona bezakuhlawula imali engange-R50.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup