Incoko nomenzi womboniso eMonti

USIMPHIWE FREDDIE weli phephandaba uncokole noGino Mjilo ongumvelisi oyintloko nombhali womboniso othi Sounds of Redemption.

Lo mboniso wenzelwa kwidolophu yaseMonti. Masonwabele incoko noGino.

Khasibalisele ngegama lalo mboniso uthi ‘Home to Music’?

Igama lalo mboniso bhanya-bhanya liye latshintshwa, ngoku ubizwa “Sounds of Redemption” ngenxa yokuba sibona intsindiso eninzi kulo mboniso. Indoda engenakhaya ifumana intsindiso emculweni, kwikwayala yecawa.

Ngelixa lowo uthinjwe ziziyobisi esindiswa xa kanye indoda leyo ingenakhaya imsindisa kubaxhwili, ize imse esibhedlele,nalapho aphinde abuye anxulumane nosapho lwakhe, aye kwindawo yokukhuculwa kweziyobisi. Aze umyeni wenkosikazi ethile afumane intsindiso akube enikezele ngobomi bakhe kuThixo ngokunjalo nobosapho lwakhe. Igama elithi Home to Music, nebeligama lalo mboniso kuqala, ngoku ligama lekwayala yenkonzo kulo mboniso.

Uqale nini ukuwubhala lo mdlalo, kwaye yeyiphi imiba ubujamelene nayo?

Ndiwubhale lo mdlalo ngo2014, kodwa ndaqala ukuba nomdla wokubhala ngo2010. Owona mngeni ubunzima kukukhetha phakathi kokulandela oku ndikuthandayo okanye ndihlale emsebenzini ukuze ndikhuseleke ngokwasemalini.

Ukubhala kunye nokwenza iifilimu eMzantsi Afrika akuthethi ukuba ubani uzakuphumelela aze abenemali-ngoko ke umngeni kukukhetha phakathi kwemali noko ukuthandayo.

Ingcinga yokubhala lo mboniso isuka phi?

Andikhumbuli nokuba ndifikelele njani kuyo, ndakhe ndalala emotweni ngolunye usuku nam, mhlawumbi yilo nto, kodwa andikhumbuli kakuhle ingcinga isuka phi. Konke kuza ngeendlela ngeendlela, ngelinye ixesha ndiye ndiyiphuphe, ngamanye ndiyicinge okanye kubekho umntu ondibalisela ibali lakhe ndize ndikhuphe elam ibali apho.

Eli bali kudala liguquka kususela oko ndalibhala. Ingcamango endandinayo ukuqala kwam ukulibhala yohluke mpela kweli bali xa kungoku.

Khasibalisele kancinane ngawe, ngubani uGino Mjilo?

Ndazelelwa ndaze ndakhulela kwilokishi yaseSoweto, ndenza izifundo zeentengiso (Marketing) e-UJ, ndandikwigumbi elinye noDJ Zintle, ndaye ndalahla kunyaka wam wokugqibela.

Utata wam ngowase-KZN, yena umama ngowaseMpuma Koloni. Badibana eRhawutini, ngoko ndizibiza unyana waseMzantsi Afrika ngokwenene.

Ndiyawuthanda umculo, imiboniso kunye nomoya. Ndiyathanda ukulala, ndilale iifestile zivuliwe ukuze ndifumane umoya. Ndiyayithanda imidlalwana yeKhompyutha nePlaystation, kodwa andinayo iPlaystation kuba bendingasoze ndenze nto.

Ndiyazithemba kwaye ndinephupha, kunjalo nje ndikholelwa ukuba ndingomnye wabemi belizwekazi le-Afrika abazakuthabatha amabali ethu awase kwintengiso yebakala laseHollywood.

Gqaba-gqaba nje Gino kwenzekani kulo mboniso?

ULunga ngumfana ongenakhaya, nolahlekelwe yinto yonke ebomini kuquka ishishini ngenxa yengxaki yongcakazo. Emva kokulahlwa yinkosikazi yakhe waze washiyeka engenanto ebomini ngaphandle kwebakkie, ikatali kunye nesuti enye, ufudukela kwidolophana ekufutshane apho angaziwa mntu.

Esahlala emva kulo moto, udibana nenzwakazi ebizwa uHazel nebaleke usapho layo ngenxa yeziyobisi. Ubonakala uLunga encedwa nguHazel ngemali. ULunga ude afumane intokazi ayithandayo nanoyenza inkosikazi.

Ndiyakuva Gino, khawusithi vandla-vandla nangeminye imisebenzi othe wayenza?

Imisebenzi yeeFilm, ukanti phambi koko ndasebenzela iSABC 2 ngonyaka ka2008 “Our Own Stories In Our Own Voices”, nalapho ndandiyProduction Assistant, nkqubo leyo yayigxile ekufundiseni ngemiba efana nokhulelo lwabantwana abasafikisayo, iingxaki zasekuhlaleni, amakhosikazi axhatshaziweyo, ulwaphulo-mthetho kwiilokishi zethu njalo njalo. le yayiprojekthi kaUnicef iveliswe yiUrban Brew. Ndakhe ndabhalela i-Focus TV (GMTV Germany) ngo2010.

Izicwangciso zakho ngalo mboniso?

Ukuyisa kwiNu Metro ne Ster Kinekor phambi kokuba iye kumabonakude okanye kwiiDVD. Sifuna abona bantu bazokuyijongisisa baze bayihlele ngokunjalo. Siyifote sisebenzisa ikhamera yohlobo lweCannon 5Ds

Ingaba abadlali balo mboniso bayaziwa kwiqonga lokulinganisa?

Akunjalo! Nanjengoko singenahlahlo labiwo mali, siphele sisenza ii-audition, ngoko abadlali esisebenza nabo ngabengingqi le sikuyo, banetalente engumangaliso. Sisasebenza kunangoku, nabani onokusinceda ngemali angasitsalela. Sisokola imali yothutho lwabadlali negqiza lalo mboniso kwanezinye iindleko ezingezinye.

Uvakala unomdla, singalindela ukuwubona nini?

Sijonge inyanga kaAugust 2016, nalapho kufuneka uzilungiselele xa kusiza iSounds Of Redemption kufutshane nawe.

Abaxhasi bale projekthi?

Ndingathanda ukubulela kakhulu kubaxhasi bethu, iThe New Hope Fellowship Church, EC AVC (Miriam Makeba Studios), Frere Hospital kunye neSebe leZempilo eMpuma Koloni, South African Police Service, EMS eMonti, Spar oseBerea, Spar ose- Vincent kwakunye noogxa bethu abancede ukuvelisa lo mdlalo- iPML.