Ingaba usecicini lokuqhawuka umtshato kaWill no-Jada?

UWill no-Jada Smith bakubethelele okokuba abasayi kuqhawula umtshato.

Lo mdlali ophambili kumboniso bhanya-bhanya uMen in Black, ngoMvulo uthathe inyathelo elingaqhelekanga wazihesha kwakuko iingxelo zokuba yena nenkosikazi yakhe yeminyaka elishumi elinesixhenxe bakhethe ukushiyana.

Umtshato ka-Smith no-Jada Pinkett Smith ubuthande ukuba sematheni iminyaka eliqela kungoku nje.

Kodwa ngoMvulo, umnatha weendaba zolonwabo uRadar Online udize ukuba esisibini sikhethe ukohlukana kwaye sizakwenza isibhengezo soku ekupheleni kwexesha lasehlotyeni.

USmith, onamashumi amane nesithandathu, ukhuphe ingxelo kwikhasi lakhe likaFacebook esithi: “Naphantsi kwazo naziphina iimeko andibuphenduli ububhanxa.

Mna no-Jada asiqhawuli mtshato!!”

USmith wongeze ngelithi ukuba bakhethe ukuqhawula umtshato “ndiyafunga ndakuba ngowokuqala ukunixelela!”

UPinkett Smith, ominyaka ingamashumi amane nesithathu, osandul’ukuvela kumboniso bhanya-bhanya othi “Magic Mike XXL” nakwinkqubo yolwaphulo-mthetho kamabonakude uGotham, wazimanya no-Will Smith ngonyaka ka-1997.

Esibini ngabazali ku-Jaden Smith ongumdlali wemiboniso bhanya-bhanya, kunye no-Willow Smith oyimvumi eminyaka elishumi elinesine.