Ingoma entsha ilumkisa ngoozungul’ ichele kule Valentines

Lumka! abo
baye bakushiya ngaphambili, baya kuqala obunye ubomi ngaphandle kwakho, bangakuxelela
ukuba bafuna ukubuya kule Valentine yangomso.

Usuku lwangomso,
umhla we14 kweyoMdumba, usuku lweValaza kwabo bakhetha ukuliteketisa, kuza kube
kuphuma ingoma encokola ngezi ngongoma zikwintshayelelo yeli bali.

Ingoma ethi “Undifuna
Ntoni?” kaLil V BBM noDeeJay Soso bekhatshwa nguOlothando Ndamase, yingoma
encokola ngaloo mntu ubuya kwakhona ebomini bakho ngexesha kanti  wena  osele
uqhubekekile nobomi ngaphandle kwabo.

Encokolela I’solezwe
lesiXhosa ngale ngoma, uNdamase uthi kukho abantu abakushiya ixeshana,
mhlawumbi abakuhloniphi ngelo xesha, mhlawumbi akunamali okanye bakubona
ungekho mhle ngohlobo abafuna ngalo.

“Bakushiya
ngezizathu ezingacacanga. Ubomi buye buqhubekeke emva koko , bazibone ukuba
benze isiphoso, bafune ukubuya ebomini bakho. Ngeliny’ ixesha ayingomaqabane
kuphela, kodwa nezihlobo zethu, ” kubalisa uNdamase ngale ngoma ayibhale
ngokwakhe.

UNdamase uthi
bakhethe ukukhupha le ngoma ngoSuku lweValentine kuba besazi wonke umntu
useluthandweni.

Uthi olu suku
lwenza ukuba abanye abantu bafune ukuvuselela oko babakhe bakwenza nabanye
ngelixa bambi befuna ukuqala ubudlelwane obutsha.

UNdamase wazalelwa
eMombeni eMt Ayliff eMpuma Koloni. Ngo2010 uye wazibandakanya neqela iSounds of
Soul apho waziqhelanisa khona ukucula nokubhala umculo.

Ngo2012 , ngethuba
esengumfundi kwiYunivesithi yaseRhawutini (UJ) kwanyanzeleka asabele ubizo
lomculo, olwakhokelela ukuba akhuphe ingoma ethi “Ndofika Nini?”

Le ngoma yavulela
uNdamase amathuba kwiqonga lomculo, wafumana udliwanondlebe koonomathotholo
ngethuba ingoma yakhe ifumana inkxaso.

Ingoma yakhe
elandelayo ngo2013 ethi “Ukuthand’ umntu” yaba yenye eyindumasi nethandwayo.
Emva kwezi ngoma zombini, uNdamase wakhupha icwecwe lakhe lokuqala elithi “Mpumelelo
Ndibize”.

UNdamase uthi
uyakuthanda ukubhala umculo ngolwimi lwakhe lwesiXhosa.

Uthi uye wakhetha
ukuthatha ikhefu kumculo weAfrosoul ukuze asebenze nabanye abantu ngelifunda
umculo ofana neGqom/House ngelixa nabo befunda kowakhe umculo.

UNdamase, uxelele
I’solezwe lesiXhosa ukuba naye ukubudlelwane obusebutsha.

“Ndiseluthandweni,
ndonwabile kwaye ndisikelelekile. Ndisafunda ukuba kuthandwa njani emva
kokuthatha ikhefu eluthandweni ixesha elide.

 Uthi naye
uyazoyamanisa nale ngoma nanjengoko ekhe wabetheka eluthandweni.

“Ndizibhale
kakhulu iingoma ezingokuphoxeka eluthandweni njengengoma yam ethi Ukuthand’
umntu. Nam ndiphoxeke kakhulu eluthandweni,” utshilo.

 Uthi ngolu suku
uza kuhlala endlwini neqabane lakhe batye isidlo babukele nemiboniso
bhanyabhanya.

 Le ngoma iza
kufumaneka ngomso kuzo zonke iivenkile zomculo kumnatha.