Ingoma kaBetusile kwi-Ingoma

Imvumi yeGospile uBetusile Mcinga

INGOMA kaBetusile Mcinga ethi ‘Itarhu Lakho’ ityunjelwe imbasa yeNgoma yoNyaka (Song of the Year) kwiimbasa zesixhenxe zalo nyaka ezibizwa Independent National Gospel Music Awards (INGOMA).

Le ngoma iphakathi kweengoma ezingamashumi amabini ezikwiLive DVD kaMcinga ezashicilelwa eLyric Theatre eRhawutini kuTshazimpuzi wonyaka ophelileyo.

UMcinga udume kakhulu ngengoma yakhe eyaphumelela iSong of the Year kwiiCrowns ethi uZundithwale.

“Kumacwecwe am ndihlala ndikhetha amaculo ambalwa aseWesile athetha nentliziyo yam ngelo xesha, kodwa ndiyathandaza xa ndilungiselela icwecwe ukuze uThixo andiphe ingoma ephethe umyalezo welo xesha. Nokuba liculo okanye ingoma, kufuneka iphathe umyalezo waloo sizini ebomini babantu,” kutsho uMcinga encokolela I’solezwe.

Uthi le ngoma, elinde iwonga elikhulu le-Ingoma, ifike kanye ngexesha abantu bejamelene negongqongqo lentsholongwane yekhorona.

“Kwenzeke njalo nakule ngoma, kuba kwiingoma eziyi20 esazenzayo kweza ntsuku ziyi21 zeLockdown, sathi xa sicinga ngengoma enokunika ithemba elizweni, Itarhu Lakho lahamba phambili,” kutsho le nzalelwane yakuGatyana, nengunyana kwigqala lemvumikazi yeGospile, uLusanda Mcinga.

“ Itarhu Lakho likhethwe kwinqanaba leSong of the Year kwi-Ingoma Awards kwaye oku kuyandivuyisa, kundenza ndizive ndithobekile yinkxaso,” kutsho uBetusile.

Uthi le ngoma iye yakwindawo yokuqala kwi-iTunes kwiiyure ezingaphantsi kwama24 ikhutshiwe. UMcinga uthi Itarhu Lakho liye lahamba phambili nakumanqwanqwa ezinye iivenkile zikaOnline.

“Kumakhasi onxibelelwano, abantu kwihlabathi jikelele bebethumela iividiyo belinganisa le ngoma, loo nto yenze ukuba ndibizwe yinkampani eseMelika, ndibe yinxalenye yomnyhadala wayo obusenziwa online.

Ngoko kuyandivuyisa ukwenza kukaThixo ngale ngoma,” kutsho uMcinga. Urhalise abalandeli bakhe ngokukhupha ingoma nganye kwezo zikwiDVD yakhe de kuphele iLockdown.

UMcinga wenze ingoma yohlobo lweGqom-Gospel noDJ Mshayi kwakunye noMr Thela baseKapa. Uthi loo ngoma kulindeleke ikhutshwe kungekudala.

Uthi ngale ngoma bazama ukusasaza ilizwi lethemba kulutsha ngendlela oluyithandayo. Ukumvotela bhala iSMS ethi ‘SONG OF THE YEAR – BETUSILE uthumele ku40439.