Waqala ukubonisa umdla emculweni eselula kakhulu ngokweminyaka, ecula ecaweni, ekwabetha nepiyano kwimicimbi yekhaya.
Akufika esikolweni, waye wazibonakalisa kumatheko omculo apho wayecula khona, elinganisa iimvumi ezifana noR. Kelly, uMario noUsher.
Ngenxa yefuthe ezi mvumi ezaba nalo kuye, ngoku waziwa ngelo lizwi lintyiloza kamnandi, kwaneengoma zakhe ezincamis’ umxhelo.
Emva kokuzibandakanya neqela lomculo leHip-Hop elibizwa iTeenagers, akazange aphinde ajonge mva. Uye wajikeleza eMonti, enyuka esehla neli qela. Akuphumelela iMatriki laqala laziwa igama likaJunia Zenzile kuba imbiza abekade eyipheka kule minyaka yonke yaye yavuthwa.
Kunyaka wokuqala eyunivesithi waye wakhupha ingoma yakhe yokuqala ngqa ebizwa ‘’Only Me’’.
“Eyona ngoma engabhadlanga endakhe ndayibhala,” uZenzile ebalisela I’solezwe lesiXhosa efile yintsini.
Le nzalelwane yelali yaseLovers Twist, eNgqushwa, yakhe yazama ithamsanqa nakwiimvavanyo zenkqubo yokhuphiswano lomculo kamabonakude iIdols Season 10 ezazibanjelwe ePlayhouse eThekwini.
“Ndicinga ndakufumana endandikufuna apho, ukuvela kumabonakude, emva koko ndabuyela ekhaya ndaqala nokushicilela umculo, futhi ndakhula nkalwana zonke, ” uZenzile ebalisa ehleka.
Ngo2018 wakhupha ingoma ethi “Ebomini Bam.”
KuLwesihlanu odlulileyo, umhla weshumi kule yoMsintsi, uZenzile ukhuphe ingoma entsha kraca ethi ‘Iphupho Lam’.
Le ngoma, esele ifumaneka kwiivenkile zonxibelelwano lomnatha, iyincwadi uZenzile ayibhalele umama wakhe ongasekhoyo.
Le ngoma yenye yeengoma ezikwicwecwana lakhe lohlobo lwe-EP alungiselela ukulikhupha ekuqaleni konyaka ozayo. Uthi ‘Iphupho Lam’ yingoma engumthandazo nesishwankathelo sebali lobomi bakhe.
“Siziimvumi sibhala nangantoni esicinga ukubhala ngayo. Kuxhomekeka kokuvayo ngoloo suku okanye okusengqondweni yakho. Ndandidakumbile ngolwa suku ndibhala le ngoma,” kutsho le mvumi, ephulukene nomama wayo ngo2017.
“[Kule ngoma] Ndithandaza kuMdali ukuba yanga angandisikelela ukuze nomama onwabe apho akhoyo. Akakhange afumane thuba lokundibona ndiphumelela,” kutsho uZenzile, okwathi ukholelwa ukuba umama wakhe umjongile, enethemba lokuba uza kuba ngumntu ongcono ebomini unyana wakhe.
UZenzile ukhwele kumaqonga omculo afana neBCM Carnival, iBuyel’ Ekhaya neMotsepe Foundation Concert.
Uthi abantu baza kukhuthazeka kule ngoma, kwaye babe nokuyazi ngcono imvumi ngapha kwengoma.
“Bazi nokuba ungubani waphi, ungayiyo loo nto unqwenela ukuba yiyo nokuba iimeko zithini,” utshilo.
Le ngoma sele idlala kwizikhululo ezifana neTruFM noMhlobo Wenene.
Onqwenela incoko noJunia angakroba kumakhasi onxibelelwano ku @juniamyworld
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!