Ingoma kaOlothando isikhumbuza ngothando

INGOMA entsha kaOlothando Ndamase ekudala ilindwe ngabomvu sele ifumaneka kwiivenkile zomculo ukuqala ngoMvulo kule veki.

Le ngoma, ebizwa Ndiyayazi, yingoma emnandi efundisa ngonxibelelwano lothando phakathi kwabathandanayo.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uNdamase uthi le ngoma uyibhale njengendlela yokuzikhumbuza ukuba uthando lubonakaliswa nangezinye iindlela.

“Le ngoma ithetha ngokubonisa uthando ngeendlela ezininzi, indlela othetha ngayo nam, indlela ondibamba ngayo kwanendlela ondijonga ngayo,” kutsho uNdamase.

Uthi nangona oku konke kubonisa ukuthandwa, kodwa kufanele sikhangele nezinye iindlela zokubonisa uthando kuba ingomso ayilolethu.

UNdamase, owaziwa ngelizwi lakhe elimnandi kwingoma ethandwayo kaMaster Dee ethi Iinyembezi zikaGogo, uthi le ngoma ethi ‘Ndiyayazi’ uyibhale kwiminyaka emibini edlulileyo kodwa wayishicilela kuDisemba ophelileyo.

Le mvumi ithi ukuvala kweCovid-19 elizweni kwenze yabona ukuba kulula kangakanani na ukulibala ukuthandana xa sonke sizama ukuphila kwidabi lalo mbulalazwe.

“Ndiphulukene nendibathandayo, kulapho ndiqaphele ukuba mhlawumbi andibabonisanga uthando ngokwaneleyo nangona nje bebesazi ndiyabathanda,” kutsho uNdamase.

Uthi isigqibo sokuyikhupha kwinyanga yoMdumba le ngoma, ibikukuqaphela le Nyanga yoThando.

Ngaphandle kweeNyembezi zikaGogo, enye yeengoma awaduma ngazo uNdamase yingoma ethi ‘Ukuthand’umntu.’

Uthi uNdiyayazi yingoma anethemba lokuba iza kukhumbuza abantu ukuba kubalulekile ukuphucula njalo indlela yokubonisa uthando.

“Siqinisekise rhoqo ukuba sibonisa abo sibathandayo indlela esibathanda ngayo phambi kokuba bemke emehlweni ethu,” kutsho le nzalelwane yaKwaBhaca.

UNdamase ulungiselela ukukhupha icwecwe lakhe elitsha, athi lakuphuma kwiinyanga zasebusika.

Kule ngoma usebenze nenjineli yomculo ekwayiprodyusa uVukile Koli.

Zifumanele uNdiyayazi kwiivenkile zomculo ezikwi-intanethi.