Inkqubo yencoko entsha kwiSABC 2

Inkqubo iVisioneries Lounge yinkqubo yencoko ezakunik’ithuba lokuthi khebevu kuchutywe isikhwebu kwabo banemibono nabenza izinto ezibukwayo kubomi babo.

Le nkqubo kulindeleke ukuba iqale ngokuhlwanje (13 Okthobha) izakubhexeshwa yintatheli eyaziwayo uA-yanda Allie-Paine.

Iindwendwe zezo zaziwayo ezenza izinto ezibonakalayo, ezinika umdla kwaye eziba negalelo elihle.

Abanye ngabo bazenzele igama nabafana no-Pitso Maleka, usomashishini ophum’izandla. UPitso nenkampani yakhe benza umsebenzi wokuvala amadlaka emingcwabeni ukuze iintsapho nezihlobo zingasokoli ngokuzenzela.

Umdidiyeli ophezulu wale nkqubo uKhanyi Magubane, uthi le nkqubo iqulethe umxube wabo baziwayo kwanabo bangaziwayo kuba iindwendwe ezo bezikhethwa ngenxa yemibono yabo ingelulo udumo lwabo. Isiqendu ngasinye * -Ayanda uzakuhlala nondwendwe becubungula izinto yinto ngalo.

Le nkqubo ineziqendu ezingamashumi amabini nesithandathu, kwaye ithe gqolo ukufota iziqendu neendwendwe ezakhethwa emva kophando oluthathe unyaka.

Ezinye zeendwendwe ezizakuba kule nkqubo nesele ziqinisekisiwe ziquka uMosa Sono (ongumsunguli nomfundisi wenkonzo iGrace Bible Church), intshatsheli kwisifo somhlaza uGqr.

Thandeka Mazibuko, * -Imtiaz Sooliman (umsunguli wombutho wesisa iGift of the Givers) kwakunye nomdlali wombhoxo kanye ngeli thuba leWorld Cup.

Ungaphoswa ke yiVisioneries Lounge ngokuhlwanje ngecala emva kweyesibhozo kuSABC 2.