Inkqubo yomculo kamabonakude ikhangela umsasazi

IQONGA lePay TV iStarSat, likugqogqo lokukhangela oyena msasazi onokuba bubuso nombhexeshi wenkqubo yomculo entsha ezaba kwijelo lomculo (uChannel 322).

Yinkqubo yeengoma ezingamashumi amabini (Top 20 Countdown), ngoko bakhangela amanxila engoma nanolwazi oluphangaleleyo ngomculo wesingqi sase-Afrika.

Umsasazi ophumeleleyo uzakubhexesha le nkqubo, enze udliwano-ndlebe kananjalo ancokole neemvumi, aze ancedise ekuveliseni le nkqubo. SINGENELE NJANI?

Kufuneka wenze ividiyo apho uzichazayo ukuba ungubani, kwanengoma yakho oyithandayo yalapha ekhaya ngokungathi uyayisasaza njengevidiyo yomculo kwijelo lomculo loMzantsi Afrika.

Ukuthumela iVidiyo leyo – kwakufuneka uthande (Like) ikhasi leTwitter le-StarSat okanye ikhasi likaFacebook, uze ubathumelele kwelinye lalo makhasi ividiyo leyo yakho. OMAWUKWAZI Umsasazi ophumelelayo uzakukhethwa ligqiza labagwebi eliquka: Umdidiyeli uTracey Martin, umdidiyeli ophezulu uZak Dakile kwakunye nomsasazi weDrive Time eJozi FM uMpho Putini. Isigqibo esithatyathiweyo sakubhengezwa ngeveki yokuqala yenyanga yeThupha 2016.

Ukuphekwa kwenkqubo kwakuqala kwiveki yesibini okanye yesithathu yeThupha, kwaye inkqubo iyakuqala ngeyoMsintsi ka2016.