INkunz’ encane ikhumbul’ uZintle kwingoma entsha

Ilanga litshone endleleni, sendimkhumbule uZintle. Hamba kahle moto sendimkhumbule, ngoba mandihleli naye kubamnandi. Le yingoma entsha kraca yeNkunz’ encane ethi Ndimkhumbule.

INkunz’ encane ingene estudiyo kwinyanga yoKwindla ikunye noSolwazi oyimvumi yaseMzimkhulu, kwaphuma le ngoma imnandi kunene yeMaskandi.

Le ngoma sele ifumaneka kuzo zonke iivenkile zonxibelelwano lweintanethi.

“Le ngoma ndiyenze kuba ndingakhange ndikhuphe ngoma kunyaka ophelileyo ngenxa yeCovid. Abalandeli baye bacela ukuba ndikhuphe nokuba inye, ndasele ndisenza njalo,’’ kutsho iNkunz’ encane incokolela I’solezwe lesiXhosa.

“Ndisebenzise igama likaZintle kuba iligama elingene lula kule ngoma,” kubalisa iNkunz’ encane ngale ngoma iyibhale ngokwayo.

INkunz’ encane ithi abantu xa bemamele le ngoma soze bangabakhumbuli abo bancuma nabo.

INkunz’ encane, egama lokuzalwa inguSilungile Mralatya, ngunyana wegqala lemvumi yeMaskandi uNkunzemdaka.

INkunz’ encane, 26, izakhel’ udumo ngengoma ezifana nePalamente nethi eMampondweni.

Ezi ngoma zidlalwe kakhulu koonomathotholo abaquka iTruFM noMhlobo Wenene. Le nzalelwane yaseNkantolo, eMbizana, iza kukhupha ividiyo yale ngoma kungekudala.

INkunz’ encane ithi ixakekile isebenza kwiEP eza yikhupha ekuzeni kuphela konyaka.

“Andifuni mntu oza kuphoxeka, ndifuna wonke umntu ayonwabele. Ndithathe ixesha ukusebenza kuyo,” kutsho iNkunz’ encane.

INkunz’ encane ikwadize ukuba iceba ukukhupha icwecwe elihlonipha uyise uNkunzemdaka nanjengoko edlale indima enkulu kuthando lwakhe lomculo wesintu.

Le mvumi ithi ikwanawo nomdla wokusebenza neemvumi zolunye uhlobo lomculo ofana negospile.

“Ndifuna nokuvula inkampani yam yokuvelisa izakhono zolutsha olunomdla wokucula,” kutsho iNkunz’ encane, ekwaliphelo kuyise kuNkunzemdaka.

Zikhangelele le ngoma kwiivenkile zeintanethi.