Intetha yababukeli malunga nesiqendu sokugqibela somdlalo kamabona-kude iGazi

IZIGXEKO, ukunyemba okukhatshwa kukudana, kuhambe phambili nanjengoko bekuvalwa inqwanqwa lefestile kwiSizini yokuqala yomdlalo weMzansi Magic – Igazi.

Lo mdlalo oyiDrama, nophele kwiCawe esisuka kuyo, udale isankxwe kumaqonga onxibelelwano nanjengoko ababukeli bedanile yindlela ophele ngayo. Ukusuka kwisinxibo, indlela yokwenza izinto zakwaXhosa ngokunjalo nendlela ekubhalwe ngayo esi siqendu kunxakamise abathandi balo mdlalo.

IGazi, neliveliswe yiFegurson Films, liqale ngomhla we-10 kuTshazimpuzi 2016. Beliquka iimbuso ezaziwayo kumabonakude ezifana no-Anga Makubalo, Vathiswa Ndara, Thami Mngqolo, Zenande Mfenyane, Tazz Nginda, Zandile Msutwana, Tumi Ngumla, Nomhle Nkonyeni nabanye. Bathethe benjenje ababukeli ngesiqendu sokugqibela salo mdlalo: