Intwazana ena6 ibhale incwadi

INTWAZANA eminyaka emithandathu ubudala ikunye notata wayo baphehlelela iincwadi zabo kule veki.

Ezi ncwadi zibhalwe ngolwimi lwesiXhosa.

Incwadi kaOwethu, 6, ebizwa ‘Molweni igama lam ndinguOwethu’ yincwadi equlethe amabalana amafutshane angezilwanyana kuquka nabantu.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uMadoda Ndlakuse, ongumbhali notata kuOwethu uthi amabali akwincwadi kaOwethu anoburharha kwaye aneziphelo ezingaqhelekanga. Izilwanyana ezikule ncwadi zenza izinto ezivame ukwenziwa ngabantu.

UNdlakuse uthi uOwethu, ofunda uGrade 1 eGqeberha, apho ahlala khona nabazali bakhe, ebeye athathe iifowuni zabazali bakhe, azivalele egumbini azirekhode ebalisa amabali.

“Ebeye athi qho xa eza kubalisa ‘Mholweni igama lam nguOwethu’, waza unina wagqiba ukuba nencwadi le ibe negama elingumbuliso aziwa ngawo uOwethu.

“Amabali kaOwethu akushiya uqonda ukuba unomdla wokuba angaqhubekeka angapheli,” kubalisa uNdlakuse.

UOwethu uphehlelela le ncwadi phakathi kwezo zikayise ezimbini.

Iincwadi zikaNdlakuse ethi ‘Ndiza kutshat’ uBeyonce enamabalana amafutshane naleyo ethi ‘Izitshanguba zentlalo’ eyingqokelela yemibongo, ziphehlelelwa kule Cawa yomhla we12 kweyoMsintsi.

UNdlakuse, okwasebenza kwaNal’ ibali njengomququzeleli wamaphulo okufunda, ukubhala nokubalisa eMpuma Koloni, yinzalelwane yaseMdantsane.

Waqala ukushicilela incwadi ngo2016 ngencwadi yabantwana ethi ‘Umtshato wentlanzi nenkuku.’

Ebutsheni balo nyaka, uNdlakuse ubhale waze washicilela iincwadi ezimbini ethi “Mhla latsha iBhayi” enamabalana amafutshane nengqokelela yemibongo ebizwa “Iingcinga zendoda”.

UNdlakuse uthi ukubhala ngesiXhosa kumenza akhululeke kwaye esazi ukuba nokuba kuthiwa isiXhosa siyasithela kubaniniso, yena ukho ukusivuselela.

“Ukubhala ngolwimi lwakho kwenza umntu ofundayo azithembe kunjalo nje azixabise kwaye akhanyelwe lula yimfundiso ozama ukuyigqithisa.

“Kundenza ndibe negalelo ekwakheni iingqondi eziqiqayo nezizikis’ ukucinga zisakusikwa yinimba ngenxa yombongo okanye umlinganiswa othile kwiincwadi zam. Okunye njengomntu osebenze kwizikolo eziliqela ephondweni, eqeqesha ootitshala kumba wokufundela ukuzonwabisa, ekhuthaza amaqela okufunda njalo njalo, ndibonile indlela uluncwadi olubhalwe ngolwimi lwethu olunqabe nolunqongophele ngalo,” kutsho lo mbhali.

“Ndiyibonile indlela amathala eencwadi asilela ngayo ekugcineni iincwadi zesiXhosa. Konke oku kuye kwandityhala ukuba nam ndibe negalelo hayi nje kuphela ebantwaneni abathanda ukufunda kodwa nakubazali okanye kubantu basekuhlaleni ngokubanzi.

“Ndiphawule ukuba abantwana nolutsha lufunda kakuhle kakhulu xa iincwadi zibhalwe ngumntu nje ofana nabo oqhelekileyo. Ndithetha ngomntu abanako ukumbona qho elokishini okanye elalini. Iincwadi zam ke ndingatsho ukuba ziye zakho ngenxa yothando endinalo lokufunda mna kuqala kwandisemncinci, ndiphinde ke ngoku ndibengunobalisa, ” kubalisa uNdlakuse owafundela isidanga seDiploma kwiEarly Childhood Development eRhodes.

UNdlakuse uza kuziphehlelela kuFacebook wakhe ezi ncwadi.

Uza kukhatshwa nguMalusi Ntoyaphi noMzoli Mavimbela abangababhali.