Inzalelwane yaseMdantsane izenzela udumo kwiifilim

WAQALA ukuqaphela isakhono sakhe emva kokuzenzela ifilim yakhe yokuqala, kanti oku iza kuba kukuqala komdla wakhe kwiqonga lokulingisa.

Sibhala nje, uBuntu Wandisile Raxangana sele ezibonakalise kwimidlalo kamabonakude nakwiibhanyabhanya zamanye amazwe.

Ebalisela I’solezwe lesiXhosa, uthi emva kokuzenzela ifilim yakhe ethi ‘Ikasi Lam’ ngonyaka ka2016, abantu baye babonakalisa inkxaso kwisakhono sakhe.

URaxangana, 33, yinzalelwane yaseN. U. 1 kwilokishi yaseMdantsane eMonti.

“Ndiqale ngoNovemba ka2016 kwifilm endayibhalayo ethi Ikasi Lam. Kulapho abantu baseMdantsane babona ukuba ikhona into endinayo,” kubalisa uRaxangana.

Umsebenzi wakhe waziwa kwiifilim ezifana neRogue engumboniso bhanyabhanya waseNgilane, umboniso othi Alleyway nemidlalo yeMoja Love.

Uthi ukulingisa ukufunde kwifilim yakhe iKasi Lam, nalapho wayedlala indima yomntu ongutsotsi.

“Into endincedileyo kukuzenzela, kulapho nabantu babona khona, bendincoma, bendibiza ngegama lobutsotsi. Kule filim ndazibukela, ndazibona indlela endilingisa ngayo.”

URaxangana ucebisa ngelithi kufuneka ukulingisa ibe yinto oyithandayo.

“Ngoba ayikho into eyodlula uthando. Yima ngezinto ezizokuphazamisa, uzithobe kwabo usebenza nabo, ngokwenza njalo, uya kuphumelela.”

KwiMoja Love udlala kumdlalo othi Ufelani neNdandatho- apho athi ufunde lukhulu.

URaxangana uthi usebenze nabalingisi abaliqela esingabalula kubo uAustin Shandu, uNkanyiso Bhengu, uMorgan Fox nabanye. Imisebenzi yakhe ifumaneka kwiYouTube nakwizikhululo zikamabonakude ezifana neDStv. Eminye imisebenzi yakhe iquka iintengiso eziliqela kumabonakude.

Onqwenela ukuncokola noBuntu angamkhangela kumaqonga onxibelelwano @King Buntu.