Inzwakazi yaseNgcobo isasaza iOPW!

Umsasazi omtsha weOur Perfect Wedding uKhanyisa Titus

“UTHATHIWE, bakuthandile!” Loo mazwi abutshintsha ubomi bomsasazi omtsha weOur Perfect Wedding.

Oku kusemva kweenyangana ezimbalwa uKhanyisa Titus ezibandakanye nearhente ekhangela italente.

UTitus, odibanise iminyaka eyi30 kwimpelaveki ephelileyo, ngumsasazi omtsha weOPW.

Ebalisela I’solezwe lesiXhosa ngendlela afikelele ngayo kule nkqubo, uTitus uthi oku kwamothusa kuba yena akazange azibone engumsasazi kamabonakude.

Uthi ebehlala ezibona engumlingisi kwimidlalo kamabonakude nanjengoko ebehlala elinganisa phambi kwesipili sakhe.

“Ndaxelelwa ukuba iOur Perfect Wedding ikhangela umsasazi ekhusini, kwaye iarhente ifake igama lam.

Ndandisexhaleni, kuba eneneni zange ndizibone ndisasaza kumabonakude.”

Le nzwakazi yaseNgcobo, ithi yaba luvavanyo nje olunye, yalinda inyanga enye kuphela phambi kokuba ifumane umnxeba osankenteza endlebeni yayo.

Eminyaka nje esixhenxe, uTitus ufudukele ePitoli nabazali bakhe, udade wabo kwakunye nomntakwabo, nalapho afunde khona de waphumelela imatriki.

“Abazali bam bebengahleki kwicala lokuqinisekisa ukuba ndizuza imfundo ephucukileyo.

Babengayinanzanga eyokuba ndifuna ukufundela ntoni, okwakubalulekile kubo yayikukuba ndifunde.

Ngo2012, uTitus waye wabhalisela izifundo zobuNtatheli eRhodes University. Akaphelelanga apho, uye wenza nesidanga seBachelor of Arts Honours in Motion Picture Medium, ekhangele kakhulu kwicandelo likamabonakude eAFDA. Sithetha nje unesidanga seeMasters kwimidlalo yeqonga.

Uthi esakhula wayehlala ezenza umsasazi okanye umlingisi wemidlalo kamabonakude.

UTitus uthi uthando lokungena kwezobuntatheli lwaqala esekwisikolo samabanga aphantsi.

“Ndaye ndathanda umdlali weGenerations wangoko owayenegama elinguTshego Motene nowayeyintatheli yephephandaba.

Indima yakhe yaba nomtsalane kum. Ndazazi kwangoko ukuba ndifuna ukuba kwiqonga lezolonwabo,” kubalisa uTitus.

Uthi uhambo lwakhe kwezosasazo lwaqala kwiminyaka engaphambili, kodwa hayi phambi kwekhamera.

Uthi kwango2009, besele esebenza kwiqonga lezosasazo nangona wayengekho emehlweni oluntu.

UTitus uziqhelanise nolu hlobo lomsebenzi kumaphepha namaqonga osasazo ohlukeneyo. “Uhambo lwam luqale eKapa ngo2013 apho ndandisebenza njengeOffice Administrator and Production Assistant eMoonlighting Films. Ndangena naseANN7 njengomqulunqi, ndaya eUrban Brew Studios ukuya kusebenza kwindumasi yenkqubo kamabonakude iLive Amp, kwakunye ne-3rd Assistant

Ukhe wayiyo neDirector kumdlalo kamabonakude iZ’Bondiwe Season 1, ukubalula kweliqela athathe kuyo inxaxheba.

Ukhe wazama nokungenela kukhuphiswano lokukhangela umsasazi weSABC Sport.

UTitus uthi ufuna ukukhuthaza abanye ngomsebenzi wakhe omtsha, ingakumbi iimbuso ezingadumanga.

“.. ndifuna ukubabonisa ukuba nantoni na ingenzeka ukuba nje ukhangela amathuba angcono. Ngokuqinisekileyo, eli ibe lelam,” kutsho uTitus.

Uthi kule nkqubo akazami kuba ngomnye umntu.

“KwiOPW ndindim nje andizami kuba ngomnye umntu.

Abantu mabalindele ukundibona ndonwabile, ndihleka, ngamanye amaxesha ndilila ngenxa yamabali amnandi othando endiwava kwizithandani kwisiqendu ngasinye,” kutsho lo msasazi. Ubambe ngazibini kwabo bamxhase ukususela kwisiqendu sokuqala sokusasaza le nkqubo.