Iphondo lisendawen’ entle kwii-MMAs

Kulindeleke ziquqe zibuyelela iimvumi zephondo leMpuma Koloni kwiimbasa zomculo zeMetro fm.

NgoLwesine, kwaziswe iimvumi ezisethubeni lokuqokelela izigubhakazi zamabhaso kwiiMetro fm Music Awards (MMAs) zalo nyaka.

UZahara Mkutukane, uNathi Mankayi, uMobi Dixon, uZonke kunye ne-MiCasa bazakube bekhuphisana ukonyuka besehla kwiqonga leeMetro fm Awards zalo nyaka.

Umlonjikazi welokishi iPhumlani, kwidolophu yaseMonti, uZahara uxelele eli phephandaba ukuba, uziva onwabile kakhulu kukuqatshelwa naye. Ingaba kokokuqala ukuzuza iwonga leeMetro fm, ndiyayazi abalandeli bam abandithandayo bazokuvota kwaye bazakuhlala besemva kwam ngenkxaso.

“Ukuchongwa nokufumana iwonga kuthetha lukhulu ngomsebenzi wakho. Ukunyuka iqonga, uyokuthatha iwonga yimvakalelo emnandi. Nokuba bendingachongwanga, nokuba andinakuphumelela akuthethi ukuba abalandeli bam abandithandi,” uthethe watsho uZahara.

UNathi uchongelwe kwibakala leBest African Pop Album (Buyelekhaya), kwibakala leBest RnB Single (Nomvula), iBest New Artist, iBest Male Album kunye ne-Song of the Year (Nomvula), ngelixa yena uZahara echongelwe kwiBest African Pop Album (Country Girl) ndawonye ne-Best Female Album (Country Girl).

IiKumkani zeempelaveki zona uSphectacula no DJ Naves bachongwe kumabakala amathandathu, elo libakala leBest Group/Duo Album (KOTW), Best Colaboration (KOTW), Best New Artist, Best Music Video (KOTW Anthem),Best Dance Album ne- Song of the Year ngeKings Of The Weekend Anthem bekunye noProfessor.

Ebuzwa liphephandaba I’solezwe lesiXhosa ngendlela aziva ngayo, uSphectacula uthe: “Kuliwonga eliphakame kakhulu ukubaphakathi kweemvumi ezinkulu zeli, kwaye bubungqina bomsebenzi onzima esiwenzayo.””

Ebuzwa ngebakala abangathanda ukuliphumelela kula bachongwe kuwo: “Ngenxa yomsebenzi wam kunye no-DJ Naves, ndingathanda sihambe nayo iBest Group/Duo,”” utshilo.

Ufik’izolo kwiqonga lomculo, * -Emtee, uchongelwe kumabakala amane, iBest Remix, iBest Music Video, Best Hip Hop Album kunye neBest New Artist.

IiMetro fm Music Awards zeshumi elinesihlanu zizakube zibanjelwe e-Inkosi Albert Luthuli Convention Centre (ICC), eThekwini, kwiphondo lakwaZulu-Natal ngomhla we-27 kuFebruwari 2016.