Ipolisa elitsha ligaleleka kwaMashu

Jet Novuka

UMAKADENETHA kwimidlalo kamabonakude, uJet Novuka, uza kuba lipolisa elitsha lakwaMashu. 

UNovuka uza kudlala indawo kaCaptain Yamkela Mpambani kumdlalo weSABC 1, Uzalo, ochazwe njengelona polisa elingahleki nanye ehlekisayo kula lokishi esezingxakini. 
UNovuka ulindeleke avele ngomhla wesithandathu kweyeThupha (6 August) kulo mdlalo. 
Ukanti Uzalo belisematheni kubathandi balo  kutshanje emva kokuvakala kweendaba zokugxothwa kwabadlali ababini, uThulani Shange (odlala uThulani) noSizwe Khumbuza (odlala uGodfather). 
Omnye owufulathelayo lo mdlalo nguNombulelo Mhlongo (odlala njengoNomcebo). 
Uzalo lukwadize ukuba uNomcebo Gumede owayenguMumsy kulo mdlalo, usendleleni ebuyayo.