Ipomakazi azithengele lona uBoity lisahlekwa kumnatha

BANGAPHI apha kuni abazibona bengabanikazi bezindlu kwiminyaka yoo-20, khona bangaphi oosaziwayo abazithengela amakhaya okanye esibabona besakha amakwabo?

Abaninzi bahlala ngokungxungxa kwiindawo ezirhafelwayo, ngelixa abanye bebhubha bengenanto ebonakalayo abayenzileyo.

Oku ndikubuza ndijonge okuthethwe ngabantu abatsha abaninzi kumakhasi onxibelelwano emva kokuba umsasazi kamabonakude, uBoitumelo ‘Boity’ Thulo ezithengele ikhaya likanokutsho.

UBoity, 26, ewe! Ebezinika isipho sokugqiba iminyaka engama-26 esidl’ amazimba. Kodwa emva kokuba lo msasazi weClub 808 eveze imifanekiso yendlu yakhe kwikhasi lika-Instagram, abantu abatsha benze intlekisa ngeentetha ezifana nokuba “Ingathi yiKholeji okanye iYunivesithi njalo njalo”.

Ayibobutyhakala na obo? Endaweni yokuncoma, kwaye sikope okuhle kweli gqiyazana lincinane, sibone into yokuhlekisa?

Abantu abatsha mabafunde ukukopa okuhle koosaziwayo endaweni yokulandela abo bengenzi tshintsho kwiimpilo zabo nezabanye abantu!

UBoity akaqali ukuzipha isipho esikhulu ngosuku lakhe lokuzalwa, kunyaka ophelileyo egqiba iminyaka engama-25, wazithengela isithuthi sohlobo lweMercedes.