IRhythm City ithi ndlelantle kuMamokete

Kwezi ntsuku zimbalwa zigqithileyo sothuswe kukulahla kwabadlali abaphambili kwimidlalo yemihla ngemihla kamabonakude.

UKgomotso Christopher, obedlala uKatlego Sibeko kwiSidingo ulahlile kulo mdlalo, emva koko kwalandela uConnie Ferguson odlala indawo kaKarabo kwiGenerations-The Legacy, yaze emva koko yanguDiaan Lawrenson odlala uPaula kwi-7de Laan.

Ukanti ngoku umdlalo uRhythm City uphulukana noConnie Chiume, obedlala indawo kaMamokete, nesizakugqibelisa ukumbona kulo mdlalo ngoLwesithathu umhla wama-20 kuTshazimpuzi 2016.

UChiume, uthabatha umhlala-phantsi ekudlaleni indima kaMamokete Khuse ayidlale phantse iminyaka elishumi.

Ayizukuba ngumbono omhle ukumka kukaChiume kwiRhythm City, kuba wavela kwisiqendu sokuqala ngqa salo mdlalo ngomhla we 9 July 2007. UConnie uzakuqhubekeka engumdlali kamabonakude, abe esenza nezinye izinto azithandayo ecaleni ezifana nemisebenzi yasefama. “ Ukumka kwam kuzakundivumela ndiqalise nezinto endazishiya ndingazigqibanga,” utshilo uConnie.

“ Ndiyalibulela ithuba namava neRhythm City kunye ne e.tv. Ndiyakholelwa ukuba ndazalelwa ukuba ngumdlali weqonga, kusegazini lam. Ukuhamba kubuhlungu, kwaye ndizakulikhumbula usapho lwam eRhythm City.”