Isakhono sikaVathiswa simse eGwadana

UVathiswa Bunguza odlala indima ephambili kwifilim ethi Gwadana

UMDLALI, umlawuli nombhali wemidlalo yeqonga, uVathiswa Bunguza, udlala indima ephambili kumdlalo osanqulunqwayo othi ‘Gwadana.’

UBunguza udlala indawo kaMaMpondo kule filim.

Ebexakekile kule veki, esendleleni esuka eGwadana eDutywa, nalapho beyinxalenye yeqela elenza lo mdlalo mtsha.

IGwadana ngumdlalo omtsha weKumkani Pictures.

“KwiGwadana ndiligqirha elibizwa uMaMpondo nelikhawulezayo ukubona izinto ezenzekayo kule lali yaseGwadana, futhi elinoxanduva lokulwa nomkhosi wamagqwirha okhokelwa lelikhulu elinguNkanyamba kunye noNgangolwandle,” uBunguza ebalisela I’solezwe lesiXhosa ngendima yakhe.

UBunguza, inzalelwane yaseThembisa, eDimbaza, wenze amabanga aphantsi eMetele naseMnxesha, wenza aphezulu eRichard Vara High naseBreidbach, apho aphumelele khona imatriki.

Uthi uthando lwakhe lokudlala kwimidlalo yeqonga lwaqala ngo2002 asakufika eLovedale College, apho wafunda khona iPerfoming Arts.

“Emva kwebanga leshumi ndandingazazi ukuba ndifuna ukwenza ntoni. Ukufika kwam eLovedale College ndabona izifundo zePerfoming Arts, ndazithanda, kanti ziza kungena ngamandla kum,” kutsho uBunguza.

UBunguza uthi usebenze kakhulu nowayengumhlohli wakhe esikolweni uMnu Diniso, wasebenza eSteve Biko Foundation eQonce njengeGosa leQonga phantsi kukaMandla Mbotwe.

Uthi apho babesenza imidlalo eliqela yokuhlonipha uSteve Biko, efana no-The Giant In Him neNzulu Yemfihlakalo.

Ukwadlale nakumdlalo othi Imbokodo no-The Story of the African Choir owaboniswa kwiNational Arts Festival.

“Ukanti kungoku nje ndiphuma ndingena kwiiprojekthi eziliqela njengefreelancer, ndisebenza neMdantsane Art Centre, sisenza ifilim ethi Kasi Live, apho ndingomnye wabadlali abaphambili khona.

Ndikhe ndasebenza neKumkani Pictures ngaphambili, sisenza ifilim ethi iXakatho sikunye noLuthuli Dlamini.”

UBunguza waziwa kakhulu kwibali loMhlobo Wenene FM elithi ‘Ithini Na Le Nto – Leyo yimfihlelo yobomi, apho adlala indima kaVuyokazi, oyintombi kaSkhulu, okwayinkosikazi kaGibson.

Le nzwakazi imatasatasa nakwisikolo saseGinsberg, iCharles Morgan, nalapho beneprojekthi ebizwa Artists in Schools.

UBunguza uthi ofuna ukungena kwicandelo lemidlalo yeqonga kufanele anyamezele kuba izinto zithatha ixesha ukulunga. Ukwayimvumi, ucula kwiqela lomculo elibizwa Abantwana Bomgquba.

“Sicula umculo wesintu singamalungu amathathu. Sikhwele kumaqonga aliqela sihamba noNtsika Ngxanga, sicula ingoma ethi “uNonkala”.

“Sicule eJohannesburg Theatre, eMarket Theatre kunye naseBoardwalk ICC, kungoku nje sisazama indlela yokushicilela iingoma zethu,” uvale ngelo uBunguza.