Isandla sikaLuckeez emculweni kwakhona

UMSASAZI woMhlobo Wenene FM, uLuckeez Matyolweni, ukholelwa ukuba ayinguye owakhetha umculo, kodwa ngumculo owakhetha yena.

Ebethetha oku encokolela I’solezwe lesiXhosa ngengoma ayinxalenye yayo ethi Ntombozuko.

Le ngoma ngekaTornando weqela leMaskandi, Amawele kaMamTshawe.

Lo msasazi, odume ngelikaLuckeez Mfowethu kwiikona zomculo, uthi wafumana le ngoma kuTornado, owayefuna ayibeke indlebe ngelokukhangela ukuba ingafaneleka na ukudlala kwiindawo zomjuxuzo.

“Ndamxelela ukuba andinokwazi ukuyidlala, ndaze ndabacela imvume yokuyixuba (remix), ndilungiselela iseti yam. Baye bavuma, bathumela amazwi ayo, ndawathumela kuDe’Moss ukuze ayilungiselele Amapiano. Emva kokuya phambili nasemva noDe’Moss kwakunye noSince Nineteen89, saye savumelana ekugqibeleni ukukhupha uversion 2.0 wayo,” kubalis uLuckeez.

Uthi le ngoma, eligwijo lesiXhosa, ingendoda ezama ukuthuthuzela isithandwa sayo esinxungupheleyo.

ULuckeez uthi le ngoma yabhalwa nguDJ Miz yaze yaculwa nguTornado waMawele kaMamTshawe.

“Ngoku inesandi esitsha, ibass line, ulungelelwaniso lwesigubu nokunye okuninzi. Umsebenzi wam kule ngoma bikukuyinika isandi esitsha esilungele abaphulaphuli abathe xhaxhe, ndize ndichonge neqela lokwenza oko,” kutsho uLuckeez.

ULuckeez waziwa ngengoma ethi ‘Ukuthand’ izinto ayisosono’.

Uthi ebekhe wanqaba emculweni emva kokuzibhaqa ejamelene noxinzelelo lwengqondo ithuba elide.

“Bendingekho esimeni esihle ngokwasempilweni iminyaka eliqela, kunyaka ophelileyo ndiye ndabuyela ekuveliseni umculo nasekujuxuziseni abantu. Ndiye ndakha istudiyo sam somculo kwakhona kwaye kulapho ndichitha khona ixesha elininzi,” utsho.

ULuckeez uthi kufike ixesha lokulandela into ayithandayo, umculo.

Lo msasazi weTop 20 yoMhlobo Wenene FM ukwabhengeze ukuba ukwanalo nohlobo lweAfro-House lale ngoma ethi Ntombozuko nalwenze neThe House Omens yaseGqeberha.

ULuckeez Mfowethu uthi mninzi umculo osendleleni kuba wonwabile ngokwasemoyeni.

“Umculo omnandi omninzi kuba ndikwindawo apho ndiziva ndithandwa ngokwenene. Uza kubakho ke nomculo obuhlungu ngenxa yezinto endihlangabezene nazo kwanezo ndisajamelene nazo.”

ULuckeez uthi nanjengoko engumqambi weengoma, akhona amazwi ambalwa akholelwa ukuba sele eneengoma zawo kwistudiyo sakhe. ULuckeez ukwadize ukuba unengoma esendleleni ethi ‘Sizophumelela’.

Ukwathi angathanda ukubhalela iimvumi ezifana noZonke Dikana, uAmanda Black noDumza Maswana.

UNtombozuko sele efumaneka kwiivenkile zeintanethi.