IsiXhosa simenze wafanelwa yimbasa

INCWADI ethi ‘Yapatyalaka Ibhobhile’ ityunjelwe imbasa kumsitho wokuwonga ababhali obizwa SA Literary Awards (SALA).

Le ncwadi, ebhalwe nguThembelihle “Lihle” Sokapase, ityunjelwe kwibakala elaziwa ngokuba yi-K. Sello Duiker Memorial Literary Award.

Le mbasa inikwa abakwiminyaka engama40 ukwehla, ababhale inoveli okanye inoveli emfutshane.

Kweli bakala nguSokapase kuphela ochongwe kulwimi lwesiXhosa.

“Ukutyunjwa kwam kundivuyise ngendlela engathethekiyo, kangangokuba andikakholwa ncam nangoku. Ingathi ndisephupheni,” kutsho uSokapase ebalisela I’solezwe lesiXhosa.

Lo mbhali, 30, ucinga ukuba abagwebi batsalwe umdla kuba ibali lakhe elikule ncwadi libalisa ngobomi baselalini.

“Eyona nto endicinga ukuba itsale abagwebi yimbali endiyibalisayo kwibali lam. Kwaye ndicinga ukuba bayithandile into yokuba ibali libe ngobomi babantu basezilalini. Kwaye ndicinga ukuba mhlawumbi basithandile isigama esichubekileyo endisisebenzisileyo ebalini, nto leyo iphawulwe ngabantu abaninzi abayifundileyo incwadi, ” kutsho uSokapase okhulele eGcuwa naseBhofolo.

USokapase ubalisa ngokwenzeka kule ncwadi.

“Ihlwempu lasemaMpingeni liziva liphoxekile xa lingafumani ncedo nankathalo kwisityebi somfundisi ekuthiwa nguPhakamile.

“UMpinga nowakwakhe, uMaFaku, ngabakhonzi abaphambili ecaweni kaPhakamile. UMaFaku uye ahlaselwe sisifo somhlaza webele kufuneke ukuba aye esibhedlele ukuze atyandwe kukhutshwe umhlaza lowo. Kodwa imali efunekayo esibhedlele ukuze kwenziwe olo tyando ingaphaya kwamandla kaMpinga nowakwakhe. Umkakhe egulela ukufa, uMpinga uye athi chu aye kucela uncedo lwaloo mali ifunekayo kweso sityebi somfundisi singuPhakamile. Kodwa uPhakamile uye athembise ngomthandazo kuphela angakhuphi nesenti emdaka.

“Emva kokuba ephoxakele kwaPhakamile, uMpinga uye azincame enze into awayengazimiselanga ukuba angaze ayenze ebomini bakhe. Uye athi chu aye kucela uncedo kwisityebi sexhego esidume ngesinyeliso sobuhedeni nokuthwala. Elo xhego nguGawusha. UMpinga uye amkelwe ngobubele nobuntu obumangalisayo kuloo mzi kaGawusha. Ngaphaya koko uye ayifumane loo mali ifunekayo ukuze atyandwe uMaFaku.

“Emva kokuba utyando lukaMaFaku lube yimpumelelo, uMaFaku noMpinga baye benze isibhambathiso sokuba abayi kuze baphinde balubeke ecaweni kaPhakamile. Ngaphaya koko uMpinga uye abize imbizo kuloo lali yakwaMaguda atsho achazele bonke abantu isizathu sokuba bangabonakali ecaweni. Abantu baye bathi bakuva isizathu sabo nabo babaxhase bathi abayi kuphinda balubeke kuloo cawa.

“NgeCawa elandela uMgqibelo wembizo uPhakamile nowakwakhe baye bafike ecaweni kukhal’ ibhungane. NgoMvulo iye ipatyalake ibhobhile!” uSokapase udiza okuqhubeka kule ncwadi eluhlobo lwenovela.

USokapase, okwangumbhali wencwadi ethi ’Uloyiso Lothando’ uqale ukubhala amabali ngethuba engumfundi weInformation Technology eWalter Sisulu University eMonti.

“EMonti kukwalapho ndiqale khona ukubhala amabali amafutshane, ndibhala ngesiNgesi kuphela ngezo ntsuku. Kodwa namhlanje ndizibhala zonke iindidi zoncwadi (imidlalo, iinoveli, izincoko, amabali amafutshane, nemibongo) ngesiXhosa,” kuqhayisa lo mbhali.

Kwakhona ukwabalisa ngejelo alivulele ababhali besiXhosa kwi-intanethi, elibizwa ngokuba nguSoluncwadi.

“USoluncwadi ndizenzele ngokwam ngenxa yokuba ndifuna ukuphuhlisa isiXhosa. Ndisebenzisa ulwazi lwam oluya ndandilufumene eWSU ukuze ndiseke eli qonga,” kubalisa uSokapase.

“USoluncwadi ngulindixesha woncwadi — literary journal kuni makhumsha. Injongo kaSoluncwadi kukuqaqambisa uncwadi lwesiXhosa gabalala. Ngoko ke uzimisele ukufundisa, ukuvundlisa, nokonwabisa abathandi boncwadi lwesiXhosa jikelele.

“USoluncwadi upapasha uhlalutyo, udliwanondlebe, izincoko, imibongo, amabali amafutshane kunye neendaba ezimalunga nababhali neencwadi zabo.

Ngamagama amafutshane, uSoluncwadi liqonga lababhali nabafundi,” kutsho lo mseki weNgqa Phambili Publishing.

Amanye amagama ababhali besiXhosa aye achongwa kwiSALA aquka elikaMzoli Mavimbela, uMadoda Ndlakuse, uSipho Kekezwa, uXolisa Guzula, uBabalwa Fatyi noEzra Nkohla.