Italente yaseWalmer iza kubonwa lilizwe

ITYENDYANA laseGqeberha, uSigqibo Kutase, kuvakala ukuba liza kuba bobunye beembuso eziphambili kumdlalo omtsha kamabonakude kunyaka ozayo.

UKutase ubalwa phakathi kwetalente yeMpuma Koloni eza kudlala kumdlalo oshicilelwa kweli phondo obizwa Gqeberha The Empire.

Lo mdlalo kuthiwa unabadlali abaziwayo kumabonakude abazinzalelwane zeli phondo abafana noZikhona Sodlaka, Zandile Msutwana, Tazz Nginda, Ayanda Makayi noPhila Madlingozi.

UKutase, 27, ozalelwe kwilokishi yaseWalmer eGqeberha, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba uqale ukubanomdla kwimidlalo yeqonga ngethuba esenza uGrade 10 eWalmer High.

“Kwakunephulo leLove Life elalibizwa ukuba yiLove Life Mpintshiz eyayithanda ukufika esikolweni isenzise ezinye zezifundo ezikwiLife Orientation. Ngelinye ixesha babeye basikhethe ukuba sibonakalise oko sikufundileyo ngokwenza imidlalo eqongeni, ndaqala apho ke,” kutsho uKutase.

Uthi ngaloo maxesha wayekunye nabanye abazakhele udumo kwimidlalo yeqonga abafana nongasekhoyo uSiphosethu ‘Pelepele’ Buti.

“Saye saseka iqela lemidlalo yeqonga singenalo noqeqesho olwaneleyo. Sasiye rhoqo ngoLwezihlanu sidlale phambi koluntu silungenisa ngeR5 emnyango.”

UKutase uqale ngo2016 ukusebenza njengomdlali obhatalwayo nalapho waye wangena kwimidlalo eveliswe yiSithatha Trust.

Udlale kwimiboniso yoompondozihlanjiwe abafana noGift Buqa, Zakes Mda, John Kani noAthol Fugard. Ukwadlale kwimidlalo yeIphulo Festival neNational Arts Festival.

Uthe uKutase akubona ukuba oku ufuna ukubeka ukutya etafileni ngako, waya eStageworld Theatre apho enze khona iDiploma yePerfoming Arts.

“Ndabona ukuba oku ndiyakuthanda, ndifuna ukuphila ndisenza kona,” utshilo.

Lo mdlali usebenze phantsi kwesandla samagqala afana noNomhle Nkonyeni, uThoko Ntshinga noDuma kaNdlovu.

Ukwadlale kwimiboniso bhanyabhanya, amabali amafutshane namabali woMhlobo Wenene FM.

Nangona engafunanga ukuwudiza umdlalo aza kudlala kuwo kuba esithi abavumelekanga bathethe ngawo, uthi oku iza kuba kokokuqala ngqa ekumabonakude kazwelonke.

“Ndifuna ukukhula kwiqonga leefilim, ndifuna ukudlala kwihlabathi, ndifuna ukwaziwa ngomsebenzi wam kuba ndithunywe ukudlulisa umyalezo ngokudlala eqongeni,” kutsho lo mdlali kamabonakude uselula ngokweminyaka.

UKutase uthi akafuni kusondela kumlinganiswa amlinganisayo nanjengoko oku kungamphazamisa umlinganiswa lowo.

Uthi angathanda ukubangumdlali ofana nabadlali angabalula kubo uDenzel Washington.

UKutase uthi angathanda ukubonwa kwimidlalo efana neThe Estate, Gomora, The River neNetflix.

IGqeberha – The Empire iza kuqala entloko kozayo.