Ithuba lebhasari yokufundela iifilimu kwanomabonakude!

Unephupha lokuba kwiqonga leefilimu nomabonakude? Eli lithuba lakho lokufezekisa lomnqweno. I-National Film and Video Foundation (NFVF) imemelele abo banomdla wokufaka isicelo kwinkqubo yabo kazwelonke (National Bursary Programme).

Le nkqubo ikhupha iibhasari kwabo bafunda nabanqwenela ukufunda nasiphina isifundo kwicandelo leefilimu nomabonakude nakulo neliphina iziko-mfundo elibhalisiweyo eMzantsi Afrika. Kugxilwe ubukhulu becala kwicala lokuvelisa (production) ngoko iLive Perfomance okanye i-Acting Diploma/ Degree aziqukwanga.

.Indlela yokufaka isicelo: Kufuneka ube ngummi woMzantsi Afrika

Kufuneka ube nerekhodi elihle lwezifundo

Ubonakalise isidingo sokuncediswa ngezimali

Ube ubhalisele ukufunda izifundo zabaqalayo okanye abasele bene-diploma / idegree kwifilimu nomabonakude nakweliphina iziko-mfundo elibhalisiweyo. Kuzakuqwalaselwa abo bafundi bakumaziko-mfundo kawonke-wonke.

Isicelo kufuneka sikhatshwe yinkuthazo yokuba kutheni kufuneka unikwe le bhasari nje, yonke lo nto kufuneka ikhatshwe ziikopi ezigximfilelweyo (certified copies) zeempepha ezidingekayo nanjengoko sele zikhankanyiwe kwifomu yokufaka isicelo. Usifaka njani esi sicelo?

Ungafaka isicelo ngokomnatha (online application) nongasifumana kwiLink ethi:

NFVF bursary application form.

.Isicelo asisayi kuqwalaselwa ukuba: -Ifomu yokufaka isicelo ayigqitywanga okanye ineenkcukacha ezingachanekanga, -Iimpepha aziphelelanga okanye azigximfelwanga.

.Qaphela: Izicelo ezithunyelwe ngefekisi okanye ngemeyile azizokuthatyathelwa ngqalelo.

.Umhla wokugqibela wokufaka isicelo:

31 kweyeThupha 2016 ezinzulwini zobusuku.

. Imibuzo ungayiphosa kuLebohang Khunou kule e-mail: lebohang@nfvf.co.za.