Izingqi zotshintsho kwiSABC 3!

OWONGAMELE icandelo lemisebenzi eSABC, uHlaudi Motsoeneng uqhubela phambili nokufaka umfutho wenkangeleko entsha kwiqumrhu losasazo le-SABC.

Iinkqubo eziveliswe ngaphandle kumajelo kamabonakude weSABC zizakuncitshiswa, de kuthi kwiSABC 3. Ezi ndaba zondlalwe kwisiganeko seSABC sokunikezela ngeekontrakti kwiinkampani ezivelisa ubugcisa kumabonakude weli. Ezi nguqu zokunkinkisha umyinge ka-80% weenkqubo ezididiyelwe kweli kwiSABC 3, kulindeleke ziqale ukubonakala ngomhla wokuqala kweyeKhala (01 July 2016).

Olu tshintsho luza emva kwesibhengezo sokuzisa umyinge ka-90% womculo owenziwe kweli kwizikhululo zikanomathotholo zeSABC ebutsheni benyanga kaCanzibe. Asikeva ukuba zeziphi iinkqubo zeSABC 3 ezizakuchaphazeleka, kodwa singasemoyeni!