Izisu zisebuhlungu yintsini

USIYABONGA Radebe, uSifiso Nene, uSimphiwe Shembe, uTsoro, uSiya Seya, uKhanyiso Kenqa, uTsepiso Nzayo kunye noZikhona Msuthu babulele isixeko saseMonti ngentsini.

La maqhula ahlanganise uluntu ngentsini ngoLwesihlanu, nalapho ashiye isininzi sibambe izisu kukuhleka.

Inkqubo ethandwayo yamaqhula ebizwa 99% Xhosa Comedy ibikwizixeko ezibini zeMpuma Koloni.

Njengesiqhelo, abathandi bale nkqubo bebephume ngomdla ukuza kuzimasa.

USifiso Nene uqinisekise ukuba ushiya loo nginginya yaseMonti icel’ impinda.

Ubashiye bebambe amathumbu abaninzi xa ethelekisa abantwana abafunde emaphandleni nabo bafunde kwizikolo ezazifudula izezabantu abamhlophe.

“UMNTWANA OFUNDA EDOLOPHINI: Xa bebona inqwelomoya, baye bathi-nam ndingathanda ukuba ngumqhubi wenqwelomoya (Wow! I would also love to be a pilot one day.)

OFUNDA eQAQAMBA HIGH: Undiphathele izinto ezimnandi (bekhwaza).

Okanye umntwana ofunde edolophini: Xa bebona ukutya kwiMagazine, baye bafune ukuqonda izithako ezenziwe ngako.

Okanye bathi ndingathanda ukutya oku kutya.

Owase-Qaqamba High: Bakutya ngoku bekubona encwadini.

Kwakhona umntwana ofunde edolophini: Ucula – Twinkle! Twinkle! Little Star, How I wonder what you are.

Ngexa ofunde ezilalini ezakuthi: Nants’imfen’emthini, iyaziqela ngamazinywana…nezikhewana! Hahahaha!!! Kudlaliwe ngathi ke khona.

Bonke obu bumnandi buqukunjelwe eBoardwalk ICC ngoMgqibelo.