Izivubeko zobomi kwincwadi kaXhanti

ITYENDYANA lakwidolophana yaseNgqeleni, uXhantilomzi Qotoyi, libhale incwadi ngesiXhosa.

Incwadi yakhe ibizwa “Izivubeko Zobomi”.

Le ncwadi kaQotoyi, onkaba ikwilali yaseZixambuzi, ibeka isithatha kwimiba eliqela efana noxhatshazo olusekelezelwe kwisini (GBV), ukubulawa kwabantu abadala betyholwa ngokuthakatha kwanempathombi ngakwabo bathandana besini sinye.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa ngezizathu zokubhala le ncwadi ngolwimi lwesiXhosa, uQotoyi uthi ebefuna umyalezo ufikelele ngqo apho abhalele khona.

“Kuba ndigqithisa umyalezo kuhlanga lakwaXhosa kuba izinto ezinje zixhaphake khona, futhi ndaziva ngathi ngesiXhosa ndingakwazi ukugqithisa umyalezo ngale ndlela ndifuna ukuwugqithisa ngayo ngaphandle kokusokola,” kutsho uQotoyi ominyaka ingama25 ubudala, owaqala ukubhala eneminyaka eyi14 kuphela.

UQotoyi ukwathi incwadi yakhe iphinde ibhentsise iimfihlo, nokungcatshana kwabantu abasondeleleneyo.

“Le ncwadi ikwafundisa ulutsha ukuba lunganikezeli kumaphupha walo nokuba yeyiphi imingeni oluthi luhlangabezane nayo,” utsho.

UQotoyi uqale ukubhala le ncwadi ngo2018, wayigqiba kwangaloo nyaka mnye. Iye yaphuma kunyaka ka2021 encediswa liSebe lezobuGcisa neNkcubeko eMthatha.

Lo mbhali uthi le ncwadi uyibhaliswe kukubona isizwe sitshabalala ngezinto ebekunokuhlalwa phantsi zilungiswe.

Ukwakholelwa ukuba abantu bazokufunda lukhulu kwezi ziganeko zenzeka kule ncwadi.

UQotoyi uthi ezinye iziganeko ezikule ncwadi naye ugilene nazo buqu.

“Ndiphetheke kakubi ngenene ngendlela endikhule ngayo kuba ndingumntu othandana nomntu wesini esinye, ifake uxinizelelo olukhulu kakhulu kum futhi ndinqwenela ukuba kungabikho abanye abantu abazokujongana nezinto ezinjalo, ingase kwakhiwe indawo apho umntu wonke azoziva ekhuselekile khona,” kutsho lo mbhali oselula.

Okumenza athande ukubhala uQotoyi kuba oku ikwayindlela yokuzityanda igila.

“Ndiseza kuqhubeka ndibhale ezinye iincwadi kuba kwasekukhuleni bendingumntu othanda ukubhala. Esi sisakhono endisiphiweyo, kungako ke kufuneka ndisiphuhlise khon’ ukuze abantu bafunde nto kuso,” uqhayise watsho.

UQotoyi ufunde kwizikolo ezifana neLower Qebe JSS, iPakamani Senior Secondary eNgcobo, waze wagqibezela eLuvuyo Lerumo High kuKomani, apho aphumelele khona uGrade 12.

Incwadi ifumaneka ngokuqhagamshelana noXhanti Qotoyi.