Kelly Kumalo – “Ubudlelwane bam noSenzo yaba yinkcitha-xesha”

“Nangona ndandimthanda nje uSenzo, kodwa ubudlelwane bethu yayiyinkcitha-xesha namandla.”

Olu ludliwano-ndlebe oluzakuqinisekisa ukuba ababukeli bathe nca koomabonakude babo, nalapho iMTV Base izakube ibonisa udliwano-ndlebe lukaSizwe Dhlomo noKelly Khumalo, nanjengokuba esichubela ngobudlelwane bakhe nomdlali wesoka ongasekhoyo uSenzo Meyiwa ngokunjalo nemvumi yeHip Hop esele ilibhantinti uMolemo ‘Jub-Jub’ Maarohanye, ngokunjalo nedabi lakhe lokusebenzisa iziyobisi.

Ebuzwa ukuba angaqubisana njani na nalowo wayesakuba sisinqandamathe sakhe xa siphuma entolongweni (uMaarhohanye wathotyelwa isigwebo emva kokuba yena nomhlobo wakhe bechithe ixesha entolongweni ngokukroboza abantwana besikolo ngethuba bedyarhisa izithuthi endleleni), uphendule ngokucacileyo ukuba, “Ndizakuba nesithintelo senkundla ngakuye.”

Ethetha ngedabi elaliphakathi kwakhe nenkosikazi kaMeyiwa, uMandisa, uKelly ubanga ngelithi, “Wayezama ukundityhalela ngaphandle endleleni ngethuba ndiqhuba.” Ngelo xesha, iingxelo zabanga ngelithi uKhumalo nodade wabo bahlasela uMandisa kuhola wendlela waseRhawutini.

Kancinane phambi kokubhubha kukaMeyiwa, iCity Press yabika ukuba uMandisa uthi, ukwamkele ukuba uphulukene naphakade noMeyiwa. “Ndiyasihlonipha isigqibo sikaSenzo sokuba noKelly Khumalo,” kuthiwa uMandisa watsho kumyalezo weSMS, ngethuba wayebuzwa ngoku. “Asohlukananga kakubi. Ngutata wentombi yam, ngapha koko ayinguye umntu ombi. “Ndimnqwenelela okuhle; ndiseluxolweni ngento yonke,” watsho.

UMeyiwa wadutyulwa wabhubha ngomhla we-26 kweyeDwarha ka2014 eVosloorus, Ekurhuleni, ngethuba endwendwele uKhumalo.

Kutyholwa ukuba amadoda amabini ambonzeleka ngaphakathi endlwini, anyanzelisa iimfono-mfono eziphathwayo, amdubula aze aphel’ emehlweni.

UKelly wayekhe wabikela iSunday Times ukuba uMeyiwa uceba ukuqhawula umtshato nowakwakhe aze atshate yena. “Azange ndithandwe ngumntu ngohlobo uSenzo awaye- ndithanda ngalo. Wayezimisele ukundenzela nantoni na…Intliziyo yakhe yayinam,” watsho kwela phephandaba.