Kufundwa iincwadi kwisikhululo seenqwelo-moya

Bukelwa Ngoqo

Namhlanje, umhla we-15 eyeSilimela yithi chu uyokudibana noNcedile Saule noMonde Nkawawe kwisikhululo seenqwelo-moya saseMonti, apho bakube bethetha ngomsebenzi wabo.

Xa ucinga ngesikhululo seenqwelo-moya uye ucinge nje into enye, uhambo. Kodwa akunjalo kwesaseMonti. UBukelwa Ngoqo, ongumnikazi wevenkile yeempahla zesiNtu neencwadi ekuthiwa ySunKissed, uqala inkqubo yababhali pha kwisikhululo esi seenqwelo-moya.

Pha ngomhla wama-27 kuTshazimpuzi, xeshikweni kuqhankqalaza abasebenzi bakwaSouth African Airways (SAA) uNgoqo wabamba indibano yokuqala ngqa kuphahla

lwesisikhululo, nalapho kwakukho umbhali Thandi Lujabe-Rankoe owayethetha ngencwadi yakhe engu ‘A Dream Fulfilled: Memoirs of an African Diplomat’

“Ibingumsitho okhethekileyo kuMam’ uThandi, oze nosapho lwakhe,” kutsho uBukelwa. “Ibilityeli lokuqala ebomini bakhe ukumenywa ukuze azokuthetha kwiphondo lakhe lokuzalwa. Ubambe ngazibini kwiSunKissed ngokumzisa ekhaya.”

ULujabe-Rankoe, yinzalelwane yakuTsolo eyahamba ngexesha locacululo kweli esebenzisana nooTat’ uRholihlala Mandela. Xeshikweni sithetha naye bucala wacacisa ukuba

ulutsha lwanamhlanje lunoxanduva lokuziqiqela ikamva lalo kwaye kufuneka lungene kwipolitiki.

“Aninalungelo, nilulutsha, lokuthi ninomsindo ngakuthi nooMandela! Senza oko kwakufanele ukuba sakwenza ngexesha lomzabalazo kwaye sabuya nayo le nkululeko. Nixesha lenu ngoku eli. Sebenzani. Kodwa nisebenze ngentlonipho.

Namhlanje, umhla we-15 kule yeSilimela, umbhali weencwadi zesiXhosa onguNcedile Saule edibene nembongi enguMonde Nkawawe,

bakube bencokolo ngomsebenzi wabo, simahla. Abafundi bomsebenzi wabo nabeliphephandaba bangaya. Inkqubo iqala ngentsimbi yesibhozo emalanga.

Iyakube ikuphahla oluphambi kweKEG kwisikhulo seenqwelo-moya saseMonti.