Kukhangelwa uReeva, uAnni noZanele!

Mhlawumbi awuzange wadibana nabo, kodwa amabali abaliswa ngabo akunika umfanekiso ngqondweni ombi wokubhubha kwabo. Ukuba ungowasetyhini kwaye uyafana noReeva Steenkamp, uZanele Khumalo okanye * -Anni Dewani, ungangena kumdlalo wedrama obalisa ngobomi babo. Umvelisi wemiboniso waseThekwini umema abadlali beqonga ukuba bathabathe inxaxheba kwii-audition zikaHeaven Can Wait, umdlalo otsala umdla ozakuveliselwa iqonga.

UMirriam Khan uthi lo mdlalo uzakube uveza ubomi bala manenekazi mathathu asweleka kabuhlungu, kwaye kananjalo ubeyintuthuzelo kubemi boMzantsi Afrika. USteenkamp wabulawa liqabane lakhe eliyimbaleki kwiiParalimpiki uOscar Pistorius ngo2013. UKhumalo, owayeneshumi elinesibhozo leminyaka ubudala, nowayekhulelwe, wagetyengwa ngowayefudula eliqabane lakhe uThato Kutumela, ngelixa yena uDewani wabulawa ngethuba ekwikhefu labasandul’ ukutshata eMzantsi Afrika, ekunye nomyeni wakhe uShrien. Lo mdlalo, nowenzelwe eSandton, uqala kubomi emva kokubhubha kwesi sithathu. “Umdlali walo mboniso, nongekafuni kunkqangazwa ngagama okwangoku, waqala nokubhala lo mdlalo kancinane emva kokubulawa kukaReeva. “Eli bali libalisa ubukhulu becala ngoSteenkamp, nelikhangela isini, uhlanga kwakunye nemiba yokuphila ubomi obuphezulu eMzantsi Afrika, nangokunjalo ukuba ezi zibuchaphazela njani ubulungisa boluntu, ingakumbi abasetyhini,” utshilo uKhan.

Akakafumani minxeba esuka kubadlali abafuna ukudlala ezi ndima, nangona nje benethemba lokuba bazakuba fumana phambi kokuba lo mdlalo ube seqongeni ngeyoMsintsi. “Inkangeleko izakudlala indima enkulu, kwaye abakhethiweyo kufuneka bafanelwe yindima leyo baze bayenze ibe nomdla kangangoko.” UKhan unethemba lokuba lo mdlalo weqonga uzakuba lilizwi eluluqilima ngakwimpatho gadalala noxhatshazo lwamanina.