Kumabonakude wakho kule veki

Isidingo

ULincoln uyama ngoSkhumbuzo ukuze afumane inkxaso. UJean-Marc uxelela uAngelique ukuba akafuni nokuva ngoCalvin.

UBrad uzinika usuku. ULincoln uzama ukuthulisa umntwana ngokumbiza ngeziduko, kodwa oko akuncedi. UCalvin noAngelique abazimiselanga ukuthatha oko bakunikwa kuqala. ULincoln ubona unyana emntwini ongacingelekanga.

UCalvin ujongana ngqo nezona njongo zakhe zokulwa iSG. ULincoln uxelela uZukisa ukuba asebenzise iyeza (muti) ukuzama ukuthulisa umntwana.

Muvhango

Ubuyela ekhaya uThandaza, ukanti uJames uhlasela uNdalamo. UVele noMmbasobeni benza indibano engekho nyulu.

UNthabeleng noNdalamo babiza oonondaba nalapho bephika ukuba bayathandana. UThandaza uxelela uRanthu eyona nto ayicinga ngaye, kwaye ayintlanga. UMulalo ucela inkxaso kuAzwindini kunyulo, kodwa akakwazi nanjengoko uVele naye engenele unyulo.

UThandaza usabambelele elukholweni lwakhe. UTeboho ufuna ukubona uMulalo ephumelela. URanthumeng uxelela abasebenzi baseBasadi ukuba uThandaza ubuyile.

Scandal

UThembeka ufumanisa ukuba ingathi uhamba emkhenkceni nalapho enza konke anako ukukhusela lo mkhenkce ungophuki.

UGloria usebenzisa iindlela ezimfutshane nto leyo ibaneziphumo ezothusayo kuNdumiso. UNaledi unyanzeleka ukuba athethe ubuxoki ngokukhawuleza.

UDintle unokuthile akukhumbulayo nekunceda abasemagunyeni, kodwa akuloncedo kwaphela kuThembeka. UScelo unyazeleka ukuba azifihle ngelonqena ukuphoxa lowo amthandayo.

Rhythm City

Xa kanye kufikwa ekugqityweni kwamalungiselelo okubhiyozela iminyaka emininzi yomtshato kaMomekete noKop, uDineo akonwabanga ngunodoli wakhe olahlekileyo.

Ukanti uMamokete uthembisa ukuya kumkhangela ngokwakhe unodoli, nalapho izinto zingahambi kakuhle. Iindaba zodubulo etyotyombeni ziphazamisa itheko. Uyavutha ngumsindo uStone ziindaba zikamama wakhe.

UBongi ugqiba kwelokuba aye kuzihlalela. UStone noEmmanuel bakhangela uGadifele, ukanti uStone ugqiba kwelokuba ayeke umthetho udlale indima yawo.

Generations

UCosmo uyakrokra lutshintsho lwentliziyo kadade wabo. Wonele uGadaffi kukudelelwa yinkosikazi yakhe. Ubanjwa ngumona uSmanga xa esiva ukuba uMazwi uphezu kwantoni na.

UWandile uphokoza intlungu yakhe kuNamhla. UGetty ufumana iindaba ezimbi, nalapho angaziyo ukuba enze ntoni na. ULucy utshintsha indlela abukeka ngayo. UCosmo udidekile xa usisi wakhe ebonakalisa utshintsho lwentliziyo. UKarabo uyasondela enyanini nto leyo imhluphayo uTau kakhulu.

Akonwabanga uGadaffi.