Isidingo
Usapho lakwaSibeko lufumanisa ukuba umntwana wabo umkile. USam ulufumana lunzima usuku lwakhe lokuqala emsebenzini omtsha.
Uyaqhubeka uKatlego nokulinda ixesha elilungileyo lokuba aqhweshe. UCalvin noAngie badibanisa iintloko kwizicwangciso zabo, nalapho bebabekela kude abo babathandayo.
UKatlego uqhubela uLincoln kwindawo ekude apho kungekho kubuya ngamva. USamantha ufumanisa ngendlela ebuhlungu ukuba imithetho ayilandelwa nguBradley. ULincon uzama ukuziqoqa kodwa kunzima.
Muvhango
UKK woyikisa ngokubetha uNthabeleng apho kubuhlungu khona kakhulu. Umam-Profethi ucela uThandaza ukuba anikele ngemali ecaweni.
UNthabeleng ufunyaniswa enetyala. Imizamo kaMulalo iyaphazanyiswa. Amathemba kaMatshidiso okungangeni entolongweni ayahexa. UMankosi noBab’Buthelezi bayaphoxeka kwisikhumbuzo sikaThandaza. Kodwa undwendwe olothusayo luvuselela ithemba labo. UThandaza uyala ukugoduka.
Uvele uxoxa noVho-Masindi ngokuzimisela kwakhe ukuba nguSodolophu. ingaba uPheko noRanthu bazakufika ngexesha?
Scandal
ULerumo ufumanisa ukuyeka ukuba nentloko elukhuni kungamsindisa.
UGontse ufumana iindaba ezimnandi, kodwa ujongana nengxaki engaphazimisana nezicwangciso zakhe.
Ukushiywa kolwimi kukaHector kuqhubela ekubeni avume oko aphezu kwako. UScelo uyavuma ukunceda inenekazi elidala kunaye.
UThembeka ukulungele ukuya ekhaya, kodwa noko kunjalo akayazi into emlindele ngaphambili.
Imigudu kaEddie yokuzama ukusombulula intsindabadala ayibonakali
Rhythm City
UKop uzama ukuziqinisa, ukanti uMamokete akanandlela ilula yokuxelela abantwana bakhe ngesigulo somyeni.
ULerato ucela uDoc ukuba eze kuhlala naye ngelixa uLungile ecela uBongi ukuba bahlale kunye. Umamokete ufumana abantwana kwindlu engasemva, ukanti uEmmanuel ucela ukuba abayeke bahlale.
UDavid ufuna ibenguye ophambili kushishino lwabo. Uyagaleleka uSolomon nalapho afumanisa ngokuthengiswa komzimba eZer011 UBongi akaqinisekanga ngendlela aziva ngayo ngoLungile. Ugadifele kumele acinge qhinga limbi.
Generations
UCosmo ubambeke phakathi kwelitye nendawo enzima, ukanti uLucy uveza umqolo wakhe phandle.
UGetty uyothuka ukufumanisa ukuba umphathi wakhe umtyhola ngokuba. ULesedi unesivumelwano asenza nomsasazi kanomathotholo. Akonwabi uGadaffi akuva ukuba inkosikazi yakhe itya isidlo sasemini namntu uthile. Indlela yokuziphatha kaWandile iya ibaxeka.
UNamhla uzama ukuba ngumxolelanisi kusapho lwakhe. Igama likaZola liya lirhuqeka eludakeni. UTshidi ugqiba ekubeni avavanye uJack.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika iza kufika ngoLwesine