Kumabonakude wakho kule veki

Scandal

UThembeka wenza iinkquleqhu zokusindisa isimo akuso, kodwa akakwazi ukuqhubeka xa esiva iindaba ezingatshintsha ubomi.

UGloria wonwabile luhambo azakuluthabatha, nelizakuba kukufezeka kwephupha lakhe. Ukhathazekile * -Omphile ukufumanisa ukuba usetyenziswe ngothile obemthemba. UQuinton ujongene noxanduva olunzima. ULindiwe uzifumana ethe qelele kusapho kunye nabahlobo bakhe.

ULayla wothukile, kwaye akonwabanga xa esiva ngeendaba ezithile, ukanti uDintle unethemba lengomso.

Rhythm City

Wonele uBrenda nguDavid, aze agqibe ekubeni amgxothe. UBongi uyasokola ukwenza ubudlelwane noZinzi, nalapho acela iingcebiso kothile.

USolomon umema uLerato. UDavid ulungisa uBrenda ukuze abekwinqwanqwa eliphezulu, nalapho ezakukwazi ukwenza imali ngaye. Iyavuthwa imbiza phakathi koBulelwa noThabiso.

UPuleng ungena kwikhaya lakhe elitsha. Uyalahleka uZama ngethuba ezama ukufuna utata wakhe.

UPuleng ufumana iindaba ezimnandi ebengazilindelanga. USifiso wophula intliziyo kaReneilwe.

Generations

ULucy ubhaqa uNamhla noXavi, ukanti uKarabo ukufumene abekufuna, ingaba ke ngoku yintoni le ingamonwabisiyo?

UTshidi uthenga iyeza lokukhusela umyeni wakhe. UThami uxelela uGadaffi ukuba akafuni ukuva. Zibamandundu izinto xa uTau eqinisa intloko. UZondiwe ufumanisa inyaniso ngo-Amo. UNamhla uqhuba uXavi ukuba enze into angafuniyo ukuyenza. UVuyo ugqiba ekubeni aveze uKarabo into ayiyo elizweni. Uyothuka uGadaffi ukubona ukuba inkosikazi yakhe ingenza ntonina ukuzama ukukhusela oko akholelwa ukuba kokwakhe.

Isidingo

U-Angelique udlakazelisa iintsiba zikaNina ngamandla. UNina uyavutha ngumsindo, nalapho enza izoyikiso ezinobungozi ku-Angelique noBarker.

USechaba noSkhu basendleleni eya kulo Lerato ukuya kuhlawula ilobola. Iinzame zika-Angelique zokuveza ishishini lomdiza elingekho mthethweni limbeka ebungozini. U-Eddie usemva koNina, ukanti uNina akazi ukuba enze ntonina. UNina kuthiwa makazithobe kuBarker acele uncedo. Ibalidabi phakathi koSechaba noLerato xa udade boLerato efuna ukutyelela esi sibini.

Muvhango

UMashudu ubonisa * -Azwindini indawo apho uMuvhango agcinwe khona. UCarol ucenga uMorapedi ukuba abuye. uRanthumeng uzama ukuziphazamisa kubuhlungu nobulolo akubo.

Xa kanye * -Azwindini ezakwazisa ukuba uMashudu sisithunzela kugaleleka uNenzhelele ephethe uMuvhango. Akaphilanga uMankosi nakuba ezama ukukufihla oku emntwini wonke.

Iimpahla ezinegazi zifunyanwa kwimoto kaThandaza. uSthe akakwazi ukuhlawula iimali zemfundo yakhe eYunivesithi.