Kumabonakude wakho kule veki

Muvhango

UKK ufaka umfutho kuLerumo. Ukanti uThandaza uxelela uRanthumeng ukuba makalibale ngokuthatha * -Imani njengenkosikazi yesibini.

Isigulana sileqiswa kwagqirha, kwaye ngumntu uNthabeleng amaziyo. U-Imani uyavuma ukutshata uRanthumeng. UMulalo uthembisa uShonisani ukuba uzakuxelela ilizwe ngothando lwabo.

URanthumeng ufuna ukuqhawula umtshato noThandaza. ULerumo ufumana iindaba ezimonwabisayo, xa efumanisa ukuba uphi uCarol. UMulalo noShonisani bavela elubala ngobudlelwane babo.

Scandal

Ziyaqala iingxaki zikaLindiwe., ukanti uNaledi uxelela uThembeka ubuxoki.

Othile wosapho lakwaNgema ubonakalisa ingqumbo yakhe ngesimo abakuso, ngelixa omnye enika amazwi entuthuzelo nethemba lengomso.

UQuinton uthi cwaka akuva ukuba uNaledi unakuqulathileyo okungekuhlanga. UBoitshoko ufumana iimpawu ezininzi zokuba kulungile ukuba aqhubeke nobomi. UYolandi uneendaba ezimbi kuMaletsatsi.

U-Omphile akakwazi ukubonakalisa indlela aziva ngayo, ngelixa uZinzile noLindiwe bekhathazeka yintlungu yabantu ababini.

Isidingo

Usapho lakwaZondile lufikelela kwintlabazahlukane emtshatweni wabo, nto leyo inokutshintsha ingomso labo.

UBarker ufumana ithuba lokudlala uZukisa, kodwa uNina ayimonwabisi le nto, ukanti uSizwe ufumana kunzima ukugcina imigaqo-nkqubo yasecaweni nokugcina umtshato wakhe. US’khu ufuna ukuxoxa ngokuphantse kwenzeka phakathi kwakhe noNikiwe, koko uNikiwe akamniki thuba.

U-Angelique noJean-Marc babanomlo wabo wokuqala njengabantu abathandanayo, ukanti uJean-Marc ufumana icebo elilungileyo elivela kothile engalindelekanga.

Generations

USimphiwe ugqiba kwelokuba aphelise intlungu yakhe umphelo, ukanti uZola akanalwazi lokuba unyana wakhe umpathele ntoni na.

Usapho lusola ukuba ikhona into engahambi kakuhle xa kungafumaneki mpendulo ngaphakathi eVestry. ULesedi ufuna ukugoduka koko uXolela akamvumeli. UMa’Ngobese utyhola abakwaMoroka ngokwenzekileyo.

UCosmo utsalelwa umxeba ngumntu abengamlindelanga, ukanti uLucy ulumkisa ubhuti wakhe ukuba angenzi impazamo awakhe wayenza ngaphambili. Uyothuka uMazwi kwakufumana kwizinto zikaSimphiwe.

Rhythm City

Uyothuka uSolomon noDoc xa uThandeka ezisa uMbulelo ekhaya, ukanti ibuhlungu intliziyo kaDoc kukubona uThandeka ekhathazekile.

UDoc unika uMbulelo imali esithi makahambe, ngelixa yena uDavid emnika ephindiweyo ukuba ahlale. Unexhala uSabelo ukufumanisa ukuba uMapula ukweleta umatshonisa. UPuleng ukhuthaza uSuffo ukuba achithe ixesha elininzi noNiki. U-Emmanuel uzama ukuba abakwaKhuse bancede uMapula. UDoc noSolomon boyikisa ngokubulala uMbulelo. UDavid ubonisa uThandeka ukuba makabengathi uyayiqwalasela into kaDoc noSolomon.