Kumabonakude wakho kule veki

Imvakalelo kaKgothalo iyenyuka xa uLincoln emxelela ngezicwangciso zakhe zokufikelela kuNina. Woyikisela ubomi bakhe uNina kuLincoln xa ethabatha unyawo lokuqala ekuziphindezeleni ngokwenziwa nguNina kuNikiwe.

Kubonakala imimoya xa uDlangamandla ebuyela kwindawo yentselo. ULalage unomona wobuhlobo obutsha bukaHendrik. ULungi uveza elinye icala nelothusayo.