Kumabonakude wakho kule veki

Muvhango

U-Onika uveza lowo ubesoloko elandelela uVusi. Uzibeka esichengeni uAzwindini xa egqiba ekubeni aye buqu entabeni ukuya kusindisa oonyana bakhe.

UMulimisi uzifumana ethandwa ziintombi ezimbini ngaxeshanye. UAzwindini ufuna ukuziphindezela. UMpho ugaleleka kuMulimisi nalapho ayokucela uncedo kwingxaki enkulu anayo. UAzwindini ubhala phantsi amagama abo acinga ukuba banento yokwenza nokuxhwilwa koonyana bakhe.

UKatlego ulumkisa uVusi ngo-Onika. Luxhalabile usapho lwasebukhosini sisimo sika-Azwindini.

Isidingo

Uyavutha ngumsindo uLincoln xa uNikiwe ekholelwa uTyson. Uyaqhubeka uGabriel nezicwangciso zakhe zokuba nendima enkulu eHD.

U-Aphiwe noKamogelo batsalwa umdla kukubona * -Obakeng okokuqala. Ubukho bukaGabriel kwindawo yomsebenzi kuyamcaphukisa uNikiwe. ULerato noKamogelo bayaxolelana. UNikiwe wenza iinzame zokuqhubeka nophando lukaTyson,

ULincoln ugqiba kwelokuba athethe inyaniso ehambisa umzimba ngoKatlego. Ingaba ikhona na into azakuyenza uNikiwe, nanjengoko eyazi inyaniso?

Rhythm City

UNiki ufumanisa ukuba uNtombizodwa uyayazi inyani ngokwaqhubeka phakathi kwakhe noThemba.

UJafta ukhangela utata wakhe. Uyaqhubeka uFats nokuphulukana nemali. UNiki ubuza uPuleng ngokulala noThemba, ukanti uNtombizodwa noPuleng bayamcenga uNiki ukuba avale umlomo wakhe ngalo mba.

ULerato unika uFats iindaba ezimbi. UPuleng noThemba benza oko kumele bakwenzele usapho. UZolani uthi into ilele kuReneilwe ukuba ufuna ukugcina ubuhlobo babo buyimfihlo. Uyagaleleka uSolomon.

Generations

ULesedi ufumanisa ukuba uXolelwa uthengisa iingubo ukufumana ingeniso.

ULucy kumele acinge ngokukhawuleza xa uGog’Flo ebhaqa uGetty. UNamhla ushiyeka ekhwankqisiwe kwakufunda kwilaptop kaFana. Umtshato ozayo wakwaMoroka waziswa kwilizwe liphela. Kukhona aphezulu kwakho uKarabo.

IVote ayizihambeli kakuhle izinto. Ugog’Flo akafuni kuyeka zinto, nto leyo ibangela uxinezelelo ngakuGetty. UKobus uthetha yonke into ngentsebenziswano kaMoroka noPhakade. uTshidi akanalwazi lokuba utshaba lusemva kwakhe.

Scandal!

UNaledi uneentsolo ngezicwangciso, kwaye uyasokola ukufumana ilungu losapho elidingeka ngokukhawuleza eGoli.

UMangi ufumanisa ukuba iphupha lakhe alizuphumelela, ukanti umama kaNaledi unethemba lokuba elakhe lizakuphumelela. UGloria ukholelwa ekubeni isenzo esingekho mthethweni sizakuxhamlisa wonke umntu eNFH. ULindiwe ufumanisa inyanso ngomfana omncinane, nemenza abe noloyiko lengomso lakhe.

UMaletsatsi unyanzelekile ukuba enze isigqibo esothusa, nesikwahlaza umhlobo.