Kumabonakude wakho kule veki

Muvhango

UJames ubangunobangela wokuba uNthabeleng abenyembezana. UVele ubona icala likaMmboswobeni ebengalazi.

UNthabeleng ushiya idolophu engamxelelanga uNdalamo. UVusi noRendani bakrokrela ukuba uSthembiso lisela. USthe uveza ukuba usebenza ezigadini zabantu njengomsebenzi wabucala. UVusi ucela uMalose ukuba amnike udliwanondlebe kunomathotholo ngobom bakhe.

Uyagaleleka uNdalamo eKapa ngeliya kufuna uNthabeleng. UVusi, uSthe kunye noRendani benza ngcono ubomi bukaMalose.

Generations

Wonwabile uSmanga sisigqibo sikaNolwazi nakuba engekho omnye ozakuziva ngalo ndlela. UGadaffi uzimisele ukwenza nantoni na ukwenza uKobus ukuba athethe.

UKarabo uma phambi komkhono wekati ukuze anqande ukubulawa kothile. Amathemba kaGetty ayatshabalala xa usapho lwakhe lungamncedi. UNolwazi akonwabanga sisimo sobudlelwane bakhe. UZondo ugqiba kwelokuba aphinde avule ityala ngokufa kukaZola.

UJack uzama ukuqinisa oko kungaqinanga. UMazwi kufuneka akhethe phakathi kosapho lwakhe noNolwazi.

Rhythm City

Abaphulaphuli bayayithanda ingoma kaRuffNek. Uyavutha ngumsindo uShakes akuva iindaba ezimbi kuZolani.

UZinzi uqhakamselana noSakhile, ukanti uBongi usifumana esi sibini sikunye. UFats akakwazi ukuxelela uSuffocate inyaniso.

Uyakhala uPuleng etyhola uNiki kwiingxaki anazo noSuffocate. Uyavutha ngumsindo uDoc, aze ahlasele uSakhile.

ULerato ubona uEmmanuel ngathi angamphazamisa kwisivumelwano anaso noFats. UBongi ucela uDoc ukuba angamvuleli tyala uSakhile.

Scandal

ULucas ugqithisa ngeenkcukacha ezithile kuLayla, nezimphazamisa kanobom. UStokkies wenza isigqibo ngobom bakhe.

ULayla uxelelwa inyani ngobuxoki. Uyothuka uMlungisi xa abantwana bakhe beziphatha ngendlela engaqhelekanga. UZinzile ufumana ubungqina bokusetyenziswa kweziyobisi.

UEddie uqhwatyelwa izandla ngomsebenzi omhle. UMlungisi unikwa iingcebiso, kodwa ayeke ukumamela kusemsinya. Umangi utyiwa ngumvandedwa.

UMlungisi ukholelwa ukuba impumelelo ingecala lakhe, kwaye uzimisele ukuqhubeka.

Isidingo

Ububele obungalindelekanga buphakamisa umoya kaSamantha.

UTyson ufumana ubunzima kwiinzame zakhe zokufumana uKatlego, ukanti ukwafuna iimpendulo kuCalvin ngoKatlego. UBarker uyazithoba kuRajesh.

UZukisa wothusa uSizwe ngokuzimela. Baphantse balwe uCalvin noTyson. Ubrad ukhalaza ngokuba akafuni ukubangathi uqeshwe kuba ezalana noBarker. UGabriel woyikiswa luluntu olunomsindo. Akukho ukubaleka kuZukisa, ukanti uGabriel utyabeka ityala kuSizwe.