Kumabonakude wakho kule veki

Generations

UNolwazi wothuswa ziintetho zomtshato, aze abaleke. UTshidi uzama ukusondelelana noKobus ukuze amsebenzise kwizicwangciso zakhe.

UNamhla ufumanisa ukuba kukhulu okungaphaya kokubonwa liliso. UXolelwa ubanexhala xa uGetty etshintsha iinombolo zakhe zomnxeba kwakhona. Sisidlo sasemini esingaqhelekanga phakathi kwentombi noyise. UBra Pops ufuna imali yakhe.

ULesedi uncamisa indoda yamaphupha akhe. UTshidi wenza okunobungozi ukufumana oko akunxanelweyo.

Muvhango

UThandaza uzilela isiphelo somtshato wakhe. UJames ufumanisa ukuba wenze eyona mpazamo inkulu ebomini bakhe.

UVho-Mutshekwa ufuna abazukulwana kuFheli. Uyasokola ukuqhubeka nobomi uJames emva kokuba uNthabi ohlukene naye. Ubudlelwane phakathi koThefhelimbilu noVhangani bufumana ukuphazanyiswa nguVele. URanthumeng uneendaba ezibalulekileyo zikaThandaza.

UGizara wenzela uKK intloko ebuhlungu. USthe kumele akhethe phakathi kwekamva lakhe nomhlobo wakhe.

Scandal

UScelo ufumanisa kunzima ukuthetha inyaniso emsulwa kusapho lwakhe.

Ubanexhala uThembeka xa efumana iindaba ngokukhawuleza kunoko ebelindele. Abamelwane abangabahlobo bazifumana besilwa bodwa. Ityala likaThembeka liphelile.

Intombazana esencinane ibeka omdala endaweni yakhe. UMaletsatsi uyakrokra xa othile engaziphathi ngokubekekileyo. UThembeka ujongene nesiphelo, ukanti ekugqibeleni wenza okulungileyo. UMlungisi unyanzeleka ukuba aziqwalasele.

Rhythm City

UZinzi uyothuka sisicelo sikaSakhile. UShakes ufumanisa ukuba ngubani na kanye uRuffNek.

Ubanexhala uNiki xa uPuleng enyamalala nomntwana engatshongo. UDoc ucela uLerato ukuba aboleke imali eRed. UFats uvakala okokuqala kunomathotholo njengoRuffNek kwinkqubo iLove Doctor.

USakhile uthi ufuna imali kuqala, nalapho ayakuthi akhulule uZinzi kamva. UReneilwe uxelela uMampho ukuba uzakuhla nomcinga. UZinzi ude wakwazi ukunqanda uSakhile ukuba angambulali.

Isidingo

Nanjengoko ishishini likaSizwe likhula, ukanti nomda phakathi kwakhe nenkosikazi yakhe uyanda.

USechaba uqinisekile ukuba uKamohelo uyintlola yosapho lukaLerato. URajesh unika uSamantha isilumkiso sokuba uzakuzisola ngakwenze kuye.

UBarker uya ngamandla kuRajesh emva kokuphuma kweendaba kwikhasi lonxibelelwano. UKamohelo uchaza esona sizathu simenze ashiye iRustenburg. UBarker wazisa ukuba uRajesh unqunyanyisiwe njengeCEO. Ikhaya lakwaZondile linengxaki.