Muvhango
UGizara noVho-Masindi banesisombululo kwiingxaki zika-Azwindini. Ingaba uzakusinda uVusi emva kokufakwa iziyobisi ngokugqithisileyo ngu-Onika?
URendani uyazisola ngokwenzeke kuVusi. Azwindini uchitha ixesha yedwa nalowo unokuba yinkosikazi yakhe yesihlanu, kodwa akakuthandi akufumanayo.
Uyagula uBusi. UAzwindini uxelela uVusi ngezicwangciso zakhe zokumlungiselela isihlalo sobukhosi. URendani ucebisa uBusi ukuba akhangele unyango. UGizara unecebo lokuba uVusi angathathi isihlalo sobukhosi.
Scandal!
ULayla ufaka isikhalazo ngothile ongasebenzeli iNFH ngqo. Uyazisola uQuinton ngempazamo ayenzileyo, kodwa noko kunjalo akafundi kuyo.
UScelo noCee-Jay banezicwangciso zokuguqula ubomi babo. UMangi uzama ukunceda othile, nobengamphathanga kakukhe kwiintsuku nje ezimbalwa ezigqithileyo. UGloria unokuthile nokubangela iingxaki ebomini bakhe.
Umnxeba ofunyanwa nguYvonne umshiya engaphathekanga kakuhle. UMaletsatsi akanalwazi lokuba uzakujikelwa ngumhlobo wakhe.
Isidingo
UTyson uxelela usapho lakwaSibeko ngakucingayo ngalo. UObakeng uxelela ihlabathi ngaye noNina.
Ukanti uGeorgie ubeka uObakeng endaweni yakhe. Uyagaleleka uParsons Matabane, esiza nesipho esidingekayo. UYvette noEddie benzela uCharlie okuthile eDuncan. Udikiwe uZukisa yimpatho mbi nokuhlukunyezwa nguLincoln.
ULerato usaqhuba nokucenga uSechaba ngomtshato omhlophe ingakumbi ngoku befumene isipho semali. UObakeng wophula intliziyo ka-Aphiwe. Uyothuka uNikiwe ukubona uGabriel ehleli kwisidlo kowabo.
Rhythm City
UNiki ulumkisa uPuleng ukuba ohlukane noThemba. ULerato unexhala xa uSolomon egula ngokuxhomisa amehlo.
Uyavutha ngumsindo uDavid xa uBrenda ebeka izicwangciso zabo emngciphekweni. UMapula unomdla wokuthabatha inxaxheba kukhuphiswano lwetalente kwisikolo sakhe.
Wophuke intliziyo uReneilwe emva kokohlukana noZolani. UDavid ugqiba kwelokuba ambulale ngokwakhe uLerato.
Wophuka intliziyo uReneilwe akuva ukuba uZolani utshatile. UZinzi uza necebo lokuzama ukonwabisa umama wakhe.
Generations
Uyothuka uGetty xa ebona ividiyo kwifoni yakhe. UTebogo ulumkisa uMazwi ukuba ugqibile ukulungisa okumoshwa nguye.
UKarabo wenza iinzame emtshatweni wakhe. Unomsindo uTshidi yimigruzuko esengalweni ka-Amo. UJack ufumana iziphumo zohlolo lwemfuzo yobuzali. Xa kubonakala ngathi akusekho themba, uWandile usindisa usuku. Kukho ibhokisi (package) engaqhelekhanga negaleleka kwindlu yakwaMoroka.
Umothuko xa utata kaSphe evezwa. uTau uneentsolo ngendlela yokuziphatha engaqhelekanga kaKarabo.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?