Kushiyiswana ngotyefezo kwiTruTalent

KUMANGENO ayi-3 223 afunyenwe yiTruFM ngethuba ikhangela umsasazi, mnye kuphela oza kutyikitya isivumelwano sonyaka sokuba yinxalenye nesi sikhululo.

Kuloo mawaka abantu abasabele kweli khwelo, sele belishumi ngoku abashiyekileyo emva kokuhluzwa kwabo.

Kwezi ntsuku zizayo, bahlanu kuphela abaza kube beshiyisana ngotyefezo ukuya entanjeni.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa ngolu khuphiswano, iBambela Manejala kwiTruFM, uMasixole Mdingane uthi abagwebi khange balale buhlayo kususela oko kuqale olu khuphiswano, bekhangela abo bafanele ukuba kwiTop 10.

UMdingane uthi bafumene amangenelo amaninzi kunaxa kuthelekiswa kwawonyaka ophelileyo.

” Abagwebi basebenze nzima beqinisekisa ukuba bafumana italente kanomathotholo engangxengwanga. Kulo nyaka isikhululo sonyuse iikawusi kolu khuphiswano, kwaye sakuchulumanca ukufumana nawuphina kubo,” kutsho uMdingane.

UMdingane uthi iTruFM, esisikhululo seSABC esisasazela ubukhulu becala abantu abatsha, nesizinze eBhisho, sikhangela umntu oza kulungelelana nenkangeleko yesi sikhululo.

” Loo mntu kufuneka abe unesakhono esikhulu kusasazo lukanomathotholo, abe uhlonitshiwe kwaye uyaziwa kwindawo aphuma kuyo ukuze akwazi ukuziqokelelela iivoti nanjengoko oko kuyindlela yokuphumelela olu khuphiswano,” kutsho uMdingane.

Ophumeleleyo uza kubhengezwa ngomhla we26 kule nyanga yoMdumba 2021.

AbakwiTop 10 nguAnathi Melele, Azile Maka, Onke Sotshongaye, Athenkosi Baliso, Sima Fiyo, Aya Makuzeni, Zethu Gweva, Achuma Sihluku, Hlumela Qabo noThotyelwa Qaka