Kuvakala izandi zeJerusalema eRobben Island

IINTANDANE kwiqonga lomculo loMzantsi Afrika, ingakumbi kunyaka ka2020, uMaster KG neNdlovu Youth Choir, baza kube bebukelwe lilizwe nehlabathi lonke xa betshintshisana ngeqonga eRobben Island.

Le khonsathi, eza kusasazelwa ihlabathi lonke (live stream) isindlekwa yiAfrica Rising ibambisene neLive Love, enjongo zabo ikukuqokelela ingxowamali eza kunceda iziganeko zasesidlangalaleni kwaneqonga lolonwabo emva kokuntlithwa kukugaleleka kwentsholongwane yekhorona.

Iimali eziqokelelweyo ziza kuya kwiFeed Our Crew – eliphulo lokunceda amagcisa angesosigxina kwanamaphulo oluntu asokolayo, kutsho abaququzeleli bale khonsathi.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa ngale mini, umququzeleli wale khonsathi, uCraig Bright, uthi lo mcimbi oza kubanjwa nge25 kuTshazimpuzi (April) uza kuqala ngentsimbi yesine ukuya kweyesithandathu emalanga.

“Kuza kutshila iNdlovu Youth Choir yodumo lweAmericas Got Talent, eza kukhokelela kwingoma eyaduma umhlaba wonke kaMaster KG ethi Jerusalema,” kutsho uBright.

“Asivumelekanga ukuba sibambe iziganeko ngenxa yalo bhubhane, ngoko sicinge ukuba usasazo ngqo (live stream) lweemvumi ezimbini eziphum’ izandla kwindawo yembali efana neRobben Island, kuza kwenza ihlabathi liqaphele ukuba sidinga uncedo ukuze sigcine ubugcisa nenkcubeko iphila eMzantsi Afrika, ” kutsho uBright.

Esi siganeko solu suku siza kusasazelwa ihlabathi felefele, kwaye usaziwayo woMzantsi Afrika, uMaps Maponyane uza kube engumbhexeshi waso.

“Sinethemba lokufikelela kuluntu lwehlabathi, singaqhayisi ngeemvumi zethu nenkcubeko yethu nje kuphela, kodwa siqhayise nangelizwe lethu elihle,” utsho lo mququzeleli.

Uthi xa uluntu lwehlabathi livumelekile ekukhenketheni kwakhona, unethemba lokuba uMzantsi Afrika uya kube usezingqondweni zalo.

” Sikwathemba ukuba sakuqokelela imali kangangoko sinako ukuze sixhase icandelo lolonwabo oluqhwalelayo kungoku nje. Sileli qonga asinikwanga nkxaso ngurhulumente wethu kwaye asikhethanga ukuwuthathela ezandleni zethu lo mba,” kutsho uBright.

Abaququzeleli bakwathi noxa nje le khonsathi ifelefele, uluntu luyacelwa ukuba lufake isandla online ngemali ebubuncinane buqala kwiR30.

Elowo nalowo othe wafaka isandla senkxaso uza kufakwa kwidraw ukuze aphumelele ukuba kwiVIP eRobben Island ngomhla wekhonsathi, kwangaxeshanye inkxaso yakhe ingene kwingxowamali yokunceda uluntu olusweleyo.