UMQELA owashiywa nguTat’ uS’ganeko Njokweni owayefudula engumsasazi woMhlobo Wenene FM uza kuboniswa ngqo kwinkqubombaliso ebizwa Ilifa Lomboko neza kubanjwa ngoSuku lweHlabathi lukaNomathotholo (World Radio Day).
Ngolu suku, unyana kaNjokweni, uGqabi Njokweni, uza kube esiva amabali angawaziyo nanikis’ umdla ngotata wakhe, ebaliselwa ngabo babesakusebenza naye kunomathotholo. Konke oku kuza kwenzeka kwizakhiwo zeSABC eziseGqeberha ngomhla we13 kule yoMdumba.
Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uGqabi uthi mhlawumbi ngolu suku naye angazazi ngcono ukuba ungubani.
“Le nkqubombaliso ndiyenze kuba ndifuna ukulandela izingqi zikatata ondizalayo uSiganeko Njokweni, ngokwenza njalo mhlawumbi ndingazazi ngcono ukuba ndingubani na,” kutsho uGqabi.
UGqabi uthi ngale mini kuza kubukelwa umboniso bhanyabhanya othi Ilifa Lomboko, apho amagqala kanomathotholo aza kube embalisela ngotata wakhe kwanendima ayidlalileyo njengomsasazi kanomathotholo eMzantsi Afrika.
“Siza kube sihleli namagqala osasazo sibhiyozela usuku lweWorld Radio Day,” kubalisa uGqabi.
Uthi uya kumkhumbula utata wakhe njengotata onesidima nochubekileyo.
“Kwaye enolwazi oluphangaleleyo. Wayengumntu ohloniphekileyo ngokuba naye wayebahloniphile kwaye ebaxabisile abantu bonke. Ebewuthanda kakhulu umculo xa ehleli nabahlobo bakhe abafana nooTat’ uFezile Wotshela nooTat’ uPinky Ginise. Babencokola ngomculo, ezemidlalo nezosasazo bazihlalutye nozihlalutya. Ebengumntu ofanelekayo, eyithanda impahla kanokutsho, engumntu othanda ukonwaba kananjalo.
Utata wayesikhuthaza kakhulu ukuba sifunde sigqwese kwaye sidlale neqakamba kuba naye eNxukhwebe ukhule eyidlala,’’ kubalisa uGqabi ongunyana weli gqala lomsasazi.
UGqabi, okwasebenza njengentatheli engumfoti eSABC, uthi angathanda ukuqala isikolo sezobugcisa eMpuma Koloni esiza kufundisa abantwana abanesakhono basezilalini nasezilokishini unomathotholo, umabonakude, umculo kwanomdaniso.
USganeko Njokweni wazalelwa ze wakhulela eNxukhwebe eBhofolo. Uxelengele unomathotholo weSABC iminyaka engama31 ukuqala ngoCanzibe ka1980. Ubhubhe enama71 eminyaka ubudala ngonyaka ka2008.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’