Lithuba elihle leGhana lokugodusa uLuis Suarez ephaca

Abadlali beGhana phambi komdlalo weFIFA World Cup kwibala ekuthiwa yiEducation City Stadium. Umfanekiso: EPA/Noushad Thekkayil

Usuku lwangomso lubaluleke kakhulu kwizwekazi le-Afrika ngenxa yamazwe amabini aza kulwela ukuhlala kwitumente yehlabathi. Loo mazwe yiGhana neCameroon. Okwenza umdla ngakumbi kukuba iGhana iza kufumana ithuba lokuziphindisa kwi-Uruguay eyayohlutha intlaka emlonyeni kwitumente yehlabathi ngo-2010 eMzantsi Afrika. ULuis Suarez wabamba ibhola ngesandla isiya emnatheni kanti uGyan (Asamoah) uza kuphosa ipenela eyanikwa iGhana. Umqeqeshi weGhana, u-Otto Addo, uthi akanawo umdla wempindezelo yokwenzeka ngo-2010 ngaphezulu kokuphumelela umdlalo. AmaGhana asecicini lokudlulela kwisigaba esilandelayo – kodwa kufuneka abethe iUruguay kuqala.

Ekuqaleni kwale veki, iGhana ibethe iSouth Korea ngo’3-2 emdlalweni obutaka iintlantsi e-Education City Stadium. Amagowuli wayo afakwe nguMohammed Kudus (amabini) noMohammed Salisu. “Umdlalo uza kuba nzima – kodwa ndiqinisekile ukuba singaphumelelo. Impindezelo asinto esengqondweni yam. La nto seyinethuba elide kakhulu ngoku. Ndiyakholelwa ukuba singafumana iintsikelelo ukuba asizikhathazi ngempindezelo kwizinto ezinjeya. Ineefolosi ezibukhali iUruguay, lo nto iza kwenza umdlalo ube nzima kakhulu. Kufuneka sizimisele ukuze siyibethe,” utshilo uAddo, ofanayo nozama ukumpompa ivili eligqabhukileyo.

Noxa AmaGhana ejongene ngomdlalo onzima futhi obalulekileyo – kodwa okubalulekileyo kukuba aya emdlalweni ukuzithemba kuphezulu. Naye uDiego Alonso, oqeqesha iUruguay, uyichaze njengento engasabalulekanga into eyenzeka eMzantsi Afrika ngo-2010. Iqela lakhe lisecicini lokugoduka ngaphandle kokuphumelela umdlalo eQatar. “Ngumdlalo owahlukileyo kumacala omabini lo sijongene nawo. Omabini amaqela akhangela indlela yokudlulela kumjikelo olandelayo. Usuku lwangomso lubalulekile – kodwa lahlukile kokwenzeka eminyakeni elishumi elinambini edlulileyo. Kufuneka sidlale njengamakroti ukuze siphumelele,” utshilo uAlonso.