Lithwasa Nyan’ Nyan!

EMVA kokuzimanya ngeqhina lomtshato kunyaka ophelileyo nentombi yaseThekwini, umsasazi kamabonakude, uLuyanda Potwana, uthabatha elinye ibakala ebomini bakhe.

UPotwana usabel’ ubizo lwentwaso yobugqirha nokuthandazela.

Lo msasazi weNyan’ Nyan’ edlala veki naveki kwiSABC1, ubhengeze oku kwikhasi lakhe likaFacebook kule veki, watsho ebonisa umfanekiso wakhe enxibe njengegqirha elisengumkhwetha, esithi ubonisa elinye icala lakhe elingaziwayo luluntu.

“Nindazi njengomsasazi kamabonakude, kodwa noxa kunjalo, eli licala lam elingaziwayo luluntu – ubizo lwam lwezinyanya,” ubhale watsho.

UPotwana yinzalelwane yelali yaseWesley eNgqushwa, kulapho ebebhala oku ehleli khona nanjengoko esengumkhwetha wegqirha.

“Ngapha koko ndizizinyanya zam, nezinyanya zam zindim!

“Oku andikuthethanga kumakhasi onxibelelwano, hayi kuba bendineentloni ngako, koko bendifuna ukuhamba le ndlela ngokuthula,” kutsho uPotwana.

UPotwana uthi ukubona kufanelekile ukuba aphinde azazise.

“Okwangoku ndisengumkhwetha — ze nincede ke ningathi ndithwele futhi ndinenyoka xa sele ndisenza imimangaliso. Ngoba ke ndiphiwe kathathu, intsimbi emhlophe, itasi / ulugxa nokuthandazela. Chosi Camagu! ” kubhala lo msasazi.